USAMUWELI II 21
21
Indlala; ibali likaRitspa
1Ke kwabakho indlala ngemihla kaDavide iminyaka yamithathu, umnyaka ngomnyaka. UDavide wafuna ubuso bukaYehova. Wathi uYehova, Kungenxa kaSawule, nangenxa yendlu yamagazi akhe, ngenxa enokuba wabulala abaseGibheyon. 2Ukumkani wababiza ke abaseGibheyon, wathi kubo (ke kaloku abaseGibheyon babengengabonyana bakaSirayeli, babengamaqongqolo ama-Amori; oonyana bakaSirayeli babewaqinisise ngesifungo; uSawule wafuna ukuwabulala ngokuzondelela kwakhe amaSirayeli namaYuda): 3wathi ke uDavide kwabaseGibheyon, Ndínenzele ntoni na? Ndícamagushe ngantoni na, ukuze nilisikelele ilifa likaYehova? 4Bathi abaseGibheyon kuye, Àkunathi ukubiza isilivere negolide kuSawule nakwindlu yakhe; àkunathi ukubulala umntu kwaSirayeli. Wathi kubo, Nithi ke, mandinenzele ntoni na? 5Bathi kukumkani, Indoda eyasigqibayo, eyagqiba kwelokuba sitshatyalaliswe, singemi emdeni wonke wakwaSirayeli, 6makunikelwe kuthi isixhenxe samadoda koonyana bayo, siwabethelele eminqamlezweni kuYehova eGibheha kaSawule, umnyulwa kaYehova. Wathi ukumkani, Ndowanikela mna.
7Ke ukumkani wamsindisa uMefibhoshete, unyana kaYonatan, unyana kaSawule, ngenxa yesifungo sikaYehova esibe siphakathi kwabo, phakathi koDavide noYonatan unyana kaSawule. 8Ukumkani wathabatha oonyana ababini bakaRitspa intombi ka-Aya, awayizalela uSawule, uArmoni noMefibhoshete; noonyana abahlanu bakaMeribha intombi kaSawule, awabazalela uAdriyeli unyana kaBharzilayi waseMehola. 9Wabanikela esendleni sabaseGibheyon, ababethelela eminqamlezweni entabeni phambi koYehova, sawa kunye isixhenxe eso. Babulawa bona ngeemini zokuqala zokuvuna, ekuqaleni kokuvunwa kwerhasi.
10URitspa, intombi ka-Aya, wathabatha ingubo erhwexayo, wazanekela eweni, esusela ekuqaleni kokuvuna, wezisa ekuthululweni kwamanzi ezulwini phezu kwabo; àkavuma ukuba iintaka zezulu zithi vu phezu kwabo emini, namarhamncwa asendle ebusuku. 11Waxelelwa uDavide awakwenzayo uRitspa intombi ka-Aya, ishweshwe likaSawule. 12UDavide waya, wawathabatha amathambo kaSawule, namathambo kaYonatan unyana wakhe, kubemi baseYabheshe yeGiliyadi, ababewabile endaweni yembutho yaseBhete-shan, apho amaFilisti abebaxhome khona, mini amaFilisti ambulalayo uSawule eGilibhowa; 13wawanyusa khona amathambo kaSawule namathambo kaYonatan unyana wakhe, bawabutha namathambo abo babebethelelwe eminqamlezweni; 14amathambo kaSawule noYonatan unyana wakhe bawangcwabela ezweni lakwaBhenjamin eTsela, engcwabeni likaKishe uyise; bakwenza konke abewise umthetho ngako ukumkani. Wandula wathandazeka ke uYehova ngenxa yelizwe.
Amagorha kaDavide nobukroti bawo
15Kwabuya kwabakho ukulwa kwamaFilisti namaSirayeli, wehla uDavide enabakhonzi bakhe, balwa namaFilisti; watyhafa uDavide. 16Wathi uIshbhi-bhenobhi, obengowoonyana bakaRafa, obunzima bentshuntshe yakhe bebungamakhulu omathathu obhedu ubunzima bayo, enxibe ikrele elitsha, waba womxabela uDavide. 17UAbhishayi unyana kaTseruya wamnceda, wamxabela umFilisti lowo, wambulala. Aza amadoda kaDavide amfungela esithi, Ùze ungabuyi uphume nathi uye ekulweni, ucime isibane samaSirayeli.
18Kwathi emveni kokuba njalo, kwabuya kwabakho ukulwa namaFilisti eGobhi; oko uSibhekayi umHusha wamxabeláyo uSafu, obengowoonyana bakaRafa. 19Kwabuya kwabakho ukulwa namaFilisti eGobhi, apho uElihanan, unyana kaYahare-oregim waseBhetelehem, wamxabelayo uLami, umzalwana kaGoliyati waseGati, oluthi lwentshuntshe yakhe lwalúngangomthi wabaluki. 20Kwabuya kwabakho ukulwa eGati. Kwakho ndoda iyingxilimbela, ibineminwe emithandathu sandleni sinye, namazwane amathandathu lunyaweni lunye, amashumi amabini anamané ngenani; nayo ibizalwa nguRafa. 21Yawangcikiva amaSirayeli, wayixabela uYonatan unyana kaShimeha, umkhuluwa kaDavide. 22Abo bobané bazalwa nguRafa eGati; bawa ngesandla sikaDavide, nangesandla sabakhonzi bakhe.
Currently Selected:
USAMUWELI II 21: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.