USAMUWELI II 20
20
Uvukelo-mbuso lukaShebha luchithwa nguYowabhi
1Kwathi gaxa khona indoda elitshijolo, egama linguShebha, unyana kaBhikri, umBhenjamin. Yavuthela isigodlo, yathi, Asinasabelo thina kuDavide, asinalifa kunyana kaYese; yiyani elowo ezintenteni zenu, maSirayeli. 2Enyuka ke onke amadoda akwaSirayeli, emka ekumlandeleni uDavide, alandela uShebha unyana kaBhikri; ke amadoda akwaYuda anamathela kukumkani wawo, ethabathela eYordan esa eYerusalem.
3Weza uDavide endlwini yakhe eYerusalem; ukumkani wabathabatha abafazi bakhe abalishumi abangamashweshwe, abebashiyile ukuba bagcine indlu, wababeka endlwini yogcino, wabaxhasa, akangena kubo. Bavalelwa ke yada yaba yimini yokufa kwabo, behleli bengabahlolokazi.
4Wathi ukumkani kuAmasa, Ndíhlabele umkhosi kumadoda akwaYuda ngemihla emithathu, ubekho nawe apha. 5UAmasa waya kuwahlabela umkhosi amaYuda, walíbala ngaphezu kwexesha abemiselwe lona. 6Wathi uDavide kuAbhishayi, Kungokunje uShebha, unyana kaBhikri, uya kusenzela ububi ngaphezu koAbhisalom; báthabathe wena abakhonzi benkosi yakho, umsukele, hleze afumane imizi enqatyisiweyo, asizímele. 7Aphuma amlandela amadoda kaYowabhi, nabancinithi, nezigidimi, namagorha onke; baphuma ke eYerusalem, baya kumsukela uShebha unyana kaBhikri.
8UAmasa weza kubo besetyeni elikhulu eliseGibheyon. Ke uYowabhi ubeyibhinqile ingubo yakhe yokulwa, umbinqo wekrele unxitywe ngaphezu kwayo esinqeni sakhe, lisesingxobeni salo; sancothuka ke, lawa ikrele. 9Wathi uYowabhi kuAmasa, Usahleli kakuhle na, mzalwana wam? UYowabhi wambamba uAmasa ngeendevu ngesandla sokunene, ukuba amange. 10Ke uAmasa ubengalilumkele ikrele elibe lisesandleni sikaYowabhi. Wamhlaba ngalo esiswini, wamphalaza izibilini emhlabeni, akaphinda amhlabe; wafa. UYowabhi noAbhishayi umzalwana wakhe bamsukela uShebha, unyana kaBhikri. 11Kwema enye kumadodana akwaYowabhi ngakuye, yathi, Ubani ononelele uYowabhi, nongakuDavide, makalandele uYowabhi.
12UAmasa watyikatyikeka egazini emendweni. Yabona indoda leyo, ukuba abantu bonke bathe nqumama, yamsusa uAmasa emendweni, yamshenxisela ecaleni, yaphosa ingubo phezu kwakhe; ngokokuba ibibona bemana ukuthi nqumama bonke abafika kuye. 13Ákususwa ke emendweni, onke amadoda egqitha, alandela uYowabhi, asukela uShebha, unyana kaBhikri.
14Wacanda ezizweni zonke zakwaSirayeli, waya eAbhele naseBhete-mahaka; namadodana onke abizelwa ndawonye, eza amlandela nawo. 15Bafika bamngqinga eAbhele-bhete-mahaka, bawufumbela udonga lokungqinga umzi lowo, lwema phezu komsele wongqameko; baye bonke abantu ababenoYowabhi beluqhuqha, ukuze udonga lomzi luwe. 16Kwamemeza intokazi elumkileyo ikuloo mzi, yathi, Yivani, yivani; khanithi kuYowabhi, Sondela apha, ndithethe nawe. 17Wasondela ke kuyo; yathi loo ntokazi, ÙnguYowabhi na? Wathi, Ndinguye. Yathi kuye, Phulaphula amazwi omkhonzazana wakho. Wathi, Ndiyeva. 18Yatsho yathi, Kwakufudula kusithiwa, Ukubuza makubuzwe eAbhele, benjenjalo ukuyifeza into. 19Ndingowabaxolileyo, abathembekileyo kwaSirayeli; ke ùfuna ukubulala umzi ongunozala kwaSirayeli. Yini na ukuba uliginye ilifa likaYehova?
20Waphendula uYowabhi, wathi, Makube lee, makube lee kum, ukuba ndiginye nokuba ndonakalise. 21Hayi, akunjalo; kusuke indoda yasezintabeni zakwaEfrayim, enguShebha ngegama, unyana kaBhikri, yasiphakamisa isandla sayo kukumkani, kuDavide; khuphani yona yodwa, ndomka kulo mzi. Yathi loo ntokazi kuYowabhi, Yabona, intloko yayo iya kugityiselwa kuwe phezu kodonga. 22Yaya loo ntokazi kubantu bonke ngobulumko bayo. Bayinqumla ke intloko kaShebha, unyana kaBhikri, bayigibisela kuYowabhi. Wavuthela isigodlo, baphangalala bemka kuloo mzi, elowo waya ententeni yakhe. UYowabhi wabuyela eYerusalem kukumkani.
23Ke kaloku uYowabhi wawuphatha wonke umkhosi wakwaSirayeli; uBhenaya, unyana kaYehoyada, waphatha abancinithi nezigidimi. 24UAdoram waphatha abafakwa uviko; uYehoshafati, unyana ka-Ahiludi, ubengumkhumbuzi wezinto zakomkhulu. 25USheva ubengumbhali; uTsadoki noAbhiyatare baye bengababingeleli. 26Kananjalo uIra waseYahire ubengumbingeleli kuDavide.
Currently Selected:
USAMUWELI II 20: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.