Wayigqiba ke uSolomon indlu kaYehova nendlu yokumkani; nento yonke ekwathi qatha entliziyweni kaSolomon ukuba ayenze, endlwini kaYehova nasendlwini yakhe, wayiphumelelisa. Wabonakala uYehova kuSolomon ebusuku, wathi kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho; ndizinyulele le ndawo ukuba ibe yindlu yokubingelela. Ukuba ndithe ndalivala izulu, akwabakho mvula, ukuba ndithe ndaziwisela umthetho iinkumbi, ukuba zilidle ilizwe, nokuba ndithe ndathumela ebantwini bam indyikitya yokufa; bathoba ke abantu bam, ábabizwa ngegama lam, bathandaza, bafuna ubuso bam, babuya ezindleleni zabo ezimbi: ndiya kuva mna emazulwini, ndibaxolele izono zabo, ndiliphilse ilizwe labo. Kaloku ovuleka amehlo am, iindlebe zam ziwubazele umthandazo wale ndawo. Kuba ngoku ndiyinyule, ndayingcwalisa le ndlu, ukuba libe kuyo igama lam kude kuse ephakadeni, abe khona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.
Funda IZIKRONIKE II 7
Share
Compare All Versions: IZIKRONIKE II 7:11-16
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos