IZIKRONIKE II 7:11-16
IZIKRONIKE II 7:11-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wayigqiba ke uSolomon indlu kaYehova nendlu yokumkani; nento yonke ekwathi qatha entliziyweni kaSolomon ukuba ayenze, endlwini kaYehova nasendlwini yakhe, wayiphumelelisa. Wabonakala uYehova kuSolomon ebusuku, wathi kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho; ndizinyulele le ndawo ukuba ibe yindlu yokubingelela. Ukuba ndithe ndalivala izulu, akwabakho mvula, ukuba ndithe ndaziwisela umthetho iinkumbi, ukuba zilidle ilizwe, nokuba ndithe ndathumela ebantwini bam indyikitya yokufa; bathoba ke abantu bam, ábabizwa ngegama lam, bathandaza, bafuna ubuso bam, babuya ezindleleni zabo ezimbi: ndiya kuva mna emazulwini, ndibaxolele izono zabo, ndiliphilse ilizwe labo. Kaloku ovuleka amehlo am, iindlebe zam ziwubazele umthandazo wale ndawo. Kuba ngoku ndiyinyule, ndayingcwalisa le ndlu, ukuba libe kuyo igama lam kude kuse ephakadeni, abe khona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.
IZIKRONIKE II 7:11-16 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke uSolomon wathi akuba egqibile ukwakha indlu *kaNdikhoyo kunye nebhotwe lakhe, ekufezile nako konke awayezimisele ukukwenza endlwini kaNdikhoyo nakwelo bhotwe lakhe, suka uNdikhoyo wabonakala kuye ebusuku, wathi: “Ndiwuvile umthandazo wakho, ngoko ke le ndawo ndizinyulele yona ukuba ibe yindlu yam yamadini. “Ngoko ke kuya kuthi xa ndithe ndawavala amazulu akwabikho mvula, okanye xa ndithe ndathumela iinkumbi zalivikiva eli lizwe, mhlawumbi xa ndithe ndathumela ubhubhani wesifo phakathi kwabantu bam, ukuba abantu bam abo babizwa ngegama lam bathe bazithoba bathandaza bendikhunga befuna ubuso bam, bazilahla iindlela zabo ezikhohlakeleyo, ke mna ndiya kubaphulaphula ndibeve ndisezulwini, ndisixolele isono sabo, ndilinyange ilizwe labo. Ewe, amehlo am aya kuhlala ejongile, neendlebe zam ndihlale ndizibazele imithandazo eyenziwa kule ndawo. Le ndlu ndiyinyule ndayingcwalisa ukuze igama lam lihlale apha kuyo ngonaphakade. Intliziyo yam namehlo am ohla ekule ndawo.
IZIKRONIKE II 7:11-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wayigqiba ke uSolomon indlu kaYehova nendlu yokumkani, yaye yonke into eyathi qatha entliziyweni kaSolomon ukuba ayenze endlwini kaYehova nasendlwini yakhe, wayiphumelelisa. uYehova wabonakala kuSolomon ebusuku, wathi kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho; Ukuba ndithe ndasivala izulu, ukuba kungabikho mvula, nokuba ndithe ndaziwisela umthetho iinkumbi, ukuba zilidle ilizwe, nokuba ndithe ndathumela ebantwini bam indyikitya yokufa; bathoba ke abantu bam, ababizwa kubo igama lam, bathandaza, bafuna ubuso bam, babuya ezindleleni zabo ezimbi; ndiya kuva ke emazulwini, ndibaxolele izono zabo, ndiliphilise ihlabathi labo. Ovuleka ke amehlo am, iindlebe zam ziwuphulaphule umthandazo owenziwa kule ndawo. Kuba ngoku ndiyinyule le ndlu ndaza ndayingcwalisa, ukuze igama lam libe kuyo ukusa kwixesha elingenammiselo, namehlo am nentliziyo yam iya kusoloko ikuyo.
IZIKRONIKE II 7:11-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wada u‐Solomone wagqiba indlu KAYEHOVA, nendlu yokumkani: nako konke okube kungenile entliziyweni ka‐Solomone, ukuba akwenze endlwini KAYEHOVA nasendlwini yake, wakufeza ngokutamsanqelekileyo. WANDULA UYEHOVA wabonakala ku‐Solomone ebusuku, wati kuye: Ndivile umtandazo wako, ndandizinyulele lendawo ibe yindlu yemibingo. Ukuba ndiyavingca izulu, kuze kungabiko imvula, umhlaumbi ukuba ndiyayalela inkumbi zigqibe ilizwe, umhlaumbi ukuba ndiyatuma isifo esibubisayo pakati kwabantu bam; baze bati abantu bam, ekupezu kwabo kubizwa igama lam, bazigobe, batandaze, bafune ubuso bam, baguquke emikweni yabo ekohlakeleyo; ndiya kwandula ndive mna kwa sezulwini, ndixolele isono sabo, ndipilise nelizwe labo. Kaloku amehlo am ovuleka, nendlebe zam zopulapuleka, kuwo umtandazo walendawo. Ngokuba kaloku ndiyinyulile ndayenza ngcwele indlu le, ukuba igama lam libeko kona kude kube ngunapakade; kwakuya kubako kona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.