IZIKRONIKE II 26

26
Ulawulo lukaUziya
1Bonke abantu bakwaYuda bamthabatha u-Uziya, akubon' ukuba uminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, bamenza ukumkani esikhundleni sika-Amatsiya uyise.
2Yakhiwa nguye iEloti, wayibuyisela kumaYuda, emva kokulala kokumkani kooyise.
3U-Uziya ubeminyaka ilishumi elinamithandathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina libe linguYekoliya waseYerusalem. 4Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uAmatsiya uyise. 5Wamquqela uThixo ngemihla kaZekariya, owamfundisayo ukumoyika uThixo; ngemihla yokumquqela kwakhe uYehova, uThixo wamenza wanempumelelo.
6Waphuma walwa namaFilisti, waluqhekeza udonga lwaseGati, nodonga lwaseYabhene, nodonga lwaseAshdode, wákha imizi kummandla waseAshdode naphakathi kwamaFilisti. 7UThixo wamnceda kumaFilisti, nakuma-Arabhi ahleli eGur-bhahali, nakumaMahan. 8Ama-Amon amnika u-Uziya umnikelo. Igama lakhe laduma, lada laya kufika ekungeneni kweYiputa; ngokuba womelela wada wenyuka.
9U-Uziya wákha iinqaba ezinde eYerusalem, esangweni lembombo, nasesangweni lomfula, nasembombeni yodonga, wazinqabisa ke. 10Wákha iinqaba ezinde entlango, wemba amaqula amaninzi; ngokuba imfuyo yakhe yabe ininzi kwelentili nakwelamathafa. Ubenabalimi bomhlaba nabezidiliya ezintabeni naseKarmele; ngokuba wayethanda ukulima umhlaba. 11U-Uziya ubenempi elwayo, ephuma umkhosi ngamaqela, ngenani lokubalwa kwabo ngesandla sikaYehuweli umbhali, noMahaseya umphathi, phantsi kolawulo lukaHananiya, ongomnye wakubathetheli bokumkani. 12Lonke inani leentloko zezindlu zooyise, lamagorha anobukroti, lalingamawaka amabini anamakhulu mathandathu. 13Ngaphantsi kwabo, impi ephuma umkhosi yayingamakhulu amathathu amawaka, anamawaka asixhenxe, anamakhulu mahlanu alwayo, anamandla obukroti ukumnceda ukumkani elutshabeni. 14U-Uziya wawalungiselela, emkhosini wonke, iingweletshetshe, nezikhali, nezigcina-ntloko, neengubo zentsimbi, nezaphetha, namatye okusawula. 15Wenza eYerusalem omashini abenziwe ngobuqili beengcibi, bokuba phezu kweenqaba ezinde naphezu koqoqo, ukuba kutolwe ngeentolo, kusawulwe ngamatye amakhulu. Laduma igama lakhe, lada laya kude, ngokuba wancedwa ngokubalulekileyo, wada womelela.
16Uthe ke akomelela, yaphakama intliziyo yakhe, wada wenza ububi; ngokuba wenza ubumenemene kuYehova uThixo wakhe, wangena etempileni kaYehova, ukuba aqhumisele esibingelelweni sesiqhumiso. 17UAzariya umbingeleli wamlandela, enababingeleli bakaYehova abangamashumi asibhozo, amadoda anobukroti. 18Bammela u-Uziya ukumkani, bathi kuye, Àsikokwakho, Uziya, ukuqhumisela kuYehova; kokwababingeleli, oonyana baka-Aron abángcwaliselwa ukuqhumisela; phuma engcweleni, ngokuba wènza ubumenemene; àkuluzuko oko kuwe phambi koYehova uThixo.
19Wajala u-Uziya, ephethe ngesandla isiqhumiso sokuqhumisela. Uthe esabajalele ababingeleli, kwasuka kwaphuma iqhenqa ebunzini lakhe phambi kwababingeleli endlwini kaYehova, engasesibingelelweni sokuqhumisela. 20UAzariya, umbingeleli omkhulu, nababingeleli bonke, babheka kuye, nanko eneqhenqa ebunzi, bamgxotha ngobungxamo khona, wangxama naye ukuphuma; ngokuba uYehova ubembethile. 21Waye u-Uziya ukumkani eneqhenqa, kwada kwayimini yokufa kwakhe, wahlala endlwini eyodwa, eneqhenqa; ngokuba wanqanyulwa endlwini kaYehova. UYotam, unyana wakhe, wayiphatha indlu yokumkani, ebalawula abantu belizwe.
22Ezinye izinto zikaUziya, ezokuqala nezokugqibela, wazibhala uIsaya unyana ka-Amotsi, umprofeti. 23U-Uziya walala kooyise; bamngcwabela ngakooyise emhlabeni wokungcwaba wookumkani; ngokuba bathi, Úneqhenqa. UYotam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

Currently Selected:

IZIKRONIKE II 26: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena