IZIKRONIKE II 25

25
Ulawulo luka-Amatsiya
1UAmatsiya ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYehowadan waseYerusalem. 2Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa kungengantliziyo ipheleleyo.
3Kwathi, bakuqiniselwa ubukumkani kuye, wababulala abakhonzi bakhe, ababebulele ukumkani uyise. 4Ke oonyana babo akababulalanga, kwanjengoko kubhaliweyo emyalelweni, encwadini kaMoses, apho uYehova ebewise khona umthetho wokuthi: Mabangabulawa ooyise ngenxa yoonyana, noonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesakhe isono.
5UAmatsiya wawahlanganisa amaYuda onke, wawamisa ngokwezindlu zooyise, ngokwabathetheli-mawaka, nangokwabathetheli-makhulu, kuwo onke amaYuda namaBhenjamin; wababala, ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, kunyuse. Wabafumana bengamakhulu amathathu amawaka amadodana anokuphuma umkhosi, ephethe iintonga namakhaka.
6Waqesha kumaSirayeli ikhulu lamawaka amagorha anobukroti, ngekhulu leetalente• zesilivere. 7Kweza ke umfo wakwaThixo kuye, esithi, Kumkani, mawungahambi nawe umkhosi wamaSirayeli; ngokuba akakho uYehova kumaSirayeli, koonyana bonke bakwaEfrayim. 8Hamba wedwa, wenze womelele ekulweni; uThixo akayi kukuwisa phambi kotshaba; ngokuba uThixo unamandla okunceda nawokuwisa. 9UAmatsiya wathi kumfo wakwaThixo, Liya kuthiwani na ikhulu leetalente, endalinika umkhosi wamaSirayeli? Wathi umfo wakwaThixo, UYehova angákunika okuninzi kunoko. 10UAmatsiya ke wayahlula impi leyo yayize kuye, ivela kwaEfrayim, ukuba iye endaweni yayo. Wavutha umsindo wayo kunene ngakumaYuda; babuya baya endaweni yabo bevutha ngumsindo.
11UAmatsiya wazomeleza, wabaqhuba abantu bakhe, waya eSihlanjeni seTyuwa, wabulala koonyana bakwaSehire ishumi lamawaka. 12Oonyana bakaYuda balithimba elinye ishumi lamawaka lihleli; babása encotsheni yengxondorha leyo, babaphosa phantsi encotsheni yengxondorha, badlabhuka bonke bephela.
13Ke abomkhosi awababuyisayo uAmatsiya, ukuba bangàyi naye ekulweni, bayingenela imizi yakwaYuda, bethabathela kwaSamari, besa eBhete-horon, babulala kuyo amawaka amathathu, baphanga into eninzi yamaxhoba.
14Kwathi emva kokubuya kuka-Amatsiya ekuwabulaleni amaEdom, wezisa izithixo zoonyana bakwaSehire, wazimisa ukuba zibe zizithixo zakhe, waqubuda phambi kwazo, waqhumisela kuzo. 15Wavutha umsindo kaYehova kuAmatsiya, wathumela umprofeti kuye, wathi kuye, Yini na ukuba uquqele izithixo zabantu ezingabahlangulanga abantu bazo esandleni sakho? 16Kwathi esathetha naye, ukumkani wathi kuye, Sikumisile yini na ukuba ube ngumphakathi wokumkani? Yeka; yini na ukuba uzibethise. Wayeka umprofeti wathi, Ndiyazi ukuba uThixo ugqibé kwelokuba akutshabalalise, ngokuba ukwenzile oku, akwaliphulaphula icebo lam.
17UAmatsiya ukumkani wakwaYuda wathabatha icebo, wathumela kuYowashe, unyana kaYehowahazi, unyana kaYehu, ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Khawuze siqwalaselane ngamehlo. 18UYowashe ukumkani wamaSirayeli wathumela kuAmatsiya ukumkani wakwaYuda, wathi, Ikhakakhaka eliseLebhanon lathumela kumsedare• oseLebhanon, lisithi, Unyana wam mnike intombi yakho, ibe ngumkakhe. Ke irhamncwa laseLebhanon ladlula, lalibhuqa ikhakakhaka elo. 19Ùthi, Yabona, ndiwabulele amaEdom; yakuphakamisa intliziyo yakho, ukuba uzizukise. Hlala kaloku endlwini yakho; yini na ukuba okunene ufekethe ngobubi, uwe, wena namaYuda anawe.
20Akaphulaphula uAmatsiya; ngokuba oko kwakuphuma kuThixo, ukuze abanikele esandleni seentshaba zabo; ngokuba babequqele izithixo zakwaEdom. 21Wenyuka ke uYowashe ukumkani wakwaSirayeli; baqwalaselana ngamehlo, yena noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, eBhete-shemeshe, ekwaYuda. 22Atyelwa ke amaYuda ngamaSirayeli; asaba, yangulowo waya ententeni yakhe. 23UYowashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmatsiya ukumkani wakwaYuda, unyana kaYowashe, unyana kaYehowahazi, eBhete-shemeshe, wamzisa eYerusalem; waluqhekeza udonga lwaseYerusalem, ethabathela esangweni lakwaEfrayim, wesa esangweni lembombo, iikubhite• ezimakhulu mané. 24Wayithabatha yonke igolide, nesilivere, nempahla yonke eyafumanekayo endlwini kaThixo, ebino-Obhedi-edom, nobuncwane bendlu yokumkani, nabafo abazizibambiso, wabuyela kwaSamari.
25UAmatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, emva kokufa kukaYowashe unyana kaYehowahazi, ukumkani wakwaSirayeli, waba minyaka ilishumi linesihlanu esidla ubomi. 26Ezinye izinto zika-Amatsiya, ezokuqala nezokugqibela, àsizezo na zibhaliweyo encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli? 27Ke kaloku, emveni kwexesha awatyeka ngalo uAmatsiya ekumlandeleni uYehova, bamceba eYerusalem; wasabela eLakishe. Bamsukela, bamfumana eLakishe, bambulalela khona. 28Bamthwala ngamahashe, bamngcwabela koyise, emzini wakwaYuda.

Currently Selected:

IZIKRONIKE II 25: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena