IZIKRONIKE I 29
29
Ukunikela kwabantu ngokwesicelo sikaDavide
1Wathi uDavide ukumkani kwibandla lonke, USolomon unyana wam, okuphela konyuliweyo nguThixo, mncinane, uthambile; ke umsebenzi mkhulu, ngokuba ibhotwe eli asilelomntu, lelikaYehova uThixo. 2Ke, ngamandla am onke indlu kaThixo wam ndiyilungisele igolide yezinto zegolide, isilivere yezesilivere, ubhedu lwezobhedu, isinyithi sezesinyithi, imithi yezemithi, namatye ebherilo,• nafakwayo, namatye okuhombisa, naziimfakamfele, namatye onke anqabileyo, namatye emarmore• emhlophe, into eninzi.
3Kananjalo ekubeni ilikholo kum indlu kaThixo wam, ndinenqobo yegolide nesilivere, endiyimisele indlu kaThixo wam, engaphandle kwayo yonke endiyilungisele indlu engcwele; 4amawaka amathathu eetalente zegolide• yasegolideni yakwaOfire, amawaka asixhenxe eetalente zesilivere• ehluziweyo yokwaleka iindonga zezindlu; 5ukuba ibe yeyezinto ngezinto zegolide, ibe yeyezinto ngezinto zesilivere, ibe yeyemisebenzi yonke yesandla seengcibi. Ngubani na ke oqhutywa yintliziyo ukuzimisela namhla kuYehova?
6Banikela ke ngokuqhutywa yintliziyo abathetheli bezindlu zooyise, nabathetheli bezizwe zakwaSirayeli, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nabathetheli bomsebenzi wokumkani. 7Banikela kwinkozo yendlu kaThixo igolide yaziitalente ezingamawaka amahlanu needarike• ezilishumi lamawaka; nesilivere yaziitalente ezingamawaka alishumi, nobhedu lwaziitalente ezingamawaka alishumi elinesibhozo, nesinyithi saziitalente ezingamawaka alikhulu. 8Abo ke, kwàfumaneka kubo amatye anqabileyo, bawanikela ebuncwaneni bendlu kaYehova, esandleni sikaYehiyeli umGershom. 9Bakuvuyela abantu ukunikela kwabo ngokuqhutywa yintliziyo; ngokuba banikela ngokuqhutywa yintliziyo ephelelisileyo kuYehova. Kananjalo uDavide ukumkani wavuya ngovuyo olukhulu.
Umbulelo kaDavide nokufa kwakhe
10UDavide wambonga uYehova phambi kwebandla lonke; wathi uDavide, Mawubongwe wena, Yehova, Thixo kaSirayeli, ubawo wethu, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni. 11Bobákhò, Yehova, ubukhulu, namandla, nozuko, noloyiso, nendili. Ewe, konke okusezulwini nokusehlabathini kokwakho; bobakho, Yehova, ubukumkani; ùphakamile wayintloko yeento zonke. 12Ubutyebi nozuko luvela kuwe, ulawula zonke izinto; asesandleni sakho amandla nobugorha; kusesandleni sakho ukukhulisa nokomeleza zonke izinto. 13Ke ngoko, Thixo wethu, sinokubulela kuwe, sidumise igama lakho elibekekileyo.
14Ngokuba ndingubani na mna, bangoobani na abantu bam, ukuba side sibe namandla okunika ngokuqhutywa yintliziyo njengoku? Ngokuba zivela kuwe zonke izinto; sikunika okuvele esandleni sakho. 15Ngokuba singabaphambukeli phambi kwakho, silundwendwe njengoobawo bethu bonke; injengesithunzi imihla yethu ehlabathini apha, kungekho themba lakuhlala.
16Yehova Thixo wethu, yonke le ngxokolo, sìyilungisele ukulakhela indlu igama lakho elingcwele, ivela esandleni sakho, yeyakho yonke. 17Ndiyazi, Thixo wam, ukuba uyayicikida intliziyo; ukholiswa kokuthe tye. Mna ke, ekuthini tye kwentliziyo yam, ndizinike ngokuqhutywa yintliziyo zonke ezi zinto. Kaloku abantu bakho aba bakhoyo apha, ndibone ngovuyo benikela kuwe ngokuqhutywa yintliziyo. 18Yehova, Thixo ka-Abraham, noIsake, noSirayeli, oobawo bethu, kúgcine ngonaphakade oko ekuyileni kweengcinga zeentliziyo zabantu bakho, uyibhekise kuwe intliziyo yabo; 19uSolomon unyana wam umnike intliziyo ephelelisileyo, yokugcina imithetho yakho, nezingqino zakho, nemimiselo yakho, ayenze yonke, alakhe eli bhotwe ndililungiseleleyo.
20Wathi uDavide kwibandla lonke, Khanibonge uYehova uThixo wethu. Labonga ke ibandla lonke uYehova uThixo wooyise, bathoba, baqubuda kuYehova nakukumkani. 21Babingelela kuYehova imibingelelo, banyusa amadini anyukayo kuYehova kwakusa ngengomso, iinkunzi ezintsha zeenkomo zaliwaka, iinkunzi zeegusha zaliwaka, iimvana zaliwaka, neminikelo yawo ethululwayo, nemibingelelo yoxolo emininzi, ngenxa yamaSirayeli onke. 22Badla basela ngaloo mini phambi koYehova ngovuyo olukhulu.
USolomon unyana kaDavide bamenza ukumkani ngokwesibini; bamthambisa phambi koYehova ukuba abe yingànga, noTsadoki abe ngumbingeleli. 23Wahlala ke uSolomon etroneni kaYehova, engukumkani esikhundleni sikaDavide uyise, wenempumelelo; ambeka onke amaSirayeli. 24Bonke abathetheli, namagorha, kwanoonyana bonke bokumkani uDavide, basilulamela isandla sikaSolomon ukumkani. 25UYehova wamenza mkulu uSolomon, wamphakamisa emehlweni amaSirayeli onke, wamnika indili yobukumkani engabangakho kookumkani bonke bamaSirayeli ababengaphambi kwakhe.
26Ke kaloku uDavide, unyana kaYese, waye engukumkani wamaSirayeli onke. 27Imihla awaye engukumkani kumaSirayeli ibiyiminyaka emashumi mané; eHebron wayengukumkani iminyaka esixhenxe, eYerusalem wayengukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu. 28Wafa ke, eyingwevu enkulu, ehambisekile ebudaleni, enobutyebi nozuko; uSolomon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
29Izinto zikaDavide ukumkani, ezokuqala nezokuphela, nanzo zibhaliwe emicimbini kaSamuweli imboni, nasémicimbini kaNatan umprofeti, nasemicimbini kaGadi imboni; 30kunye nobukumkani bakhe bonke, nobugorha bakhe, nezinto ezamhlelayo yena, namaSirayeli, nezikumkani zonke zamazwe.
Currently Selected:
IZIKRONIKE I 29: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.