1
IZIKRONIKE I 29:11
IZIBHALO EZINGCWELE
Bobákhò, Yehova, ubukhulu, namandla, nozuko, noloyiso, nendili. Ewe, konke okusezulwini nokusehlabathini kokwakho; bobakho, Yehova, ubukumkani; ùphakamile wayintloko yeento zonke.
Thelekisa
Phonononga IZIKRONIKE I 29:11
2
IZIKRONIKE I 29:12
Ubutyebi nozuko luvela kuwe, ulawula zonke izinto; asesandleni sakho amandla nobugorha; kusesandleni sakho ukukhulisa nokomeleza zonke izinto.
Phonononga IZIKRONIKE I 29:12
3
IZIKRONIKE I 29:14
Ngokuba ndingubani na mna, bangoobani na abantu bam, ukuba side sibe namandla okunika ngokuqhutywa yintliziyo njengoku? Ngokuba zivela kuwe zonke izinto; sikunika okuvele esandleni sakho.
Phonononga IZIKRONIKE I 29:14
4
IZIKRONIKE I 29:13
Ke ngoko, Thixo wethu, sinokubulela kuwe, sidumise igama lakho elibekekileyo.
Phonononga IZIKRONIKE I 29:13
5
IZIKRONIKE I 29:10
UDavide wambonga uYehova phambi kwebandla lonke; wathi uDavide, Mawubongwe wena, Yehova, Thixo kaSirayeli, ubawo wethu, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni.
Phonononga IZIKRONIKE I 29:10
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo