1
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:32
Contemporary Xhosa Bible 2024
Ke nina yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane kakhulu, nixolelane, njengokuba naye uThixo wanixolelayo ekuKristu.
Thelekisa
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:32
2
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:2
Ninako konke ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo, ninyamezelana ngothando.
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:2
3
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:29
Makungaphumi nanye intetho ebolileyo emlonyeni wenu
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:29
4
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:31
Mabukhweleliswe kuni bonke ubukrakra, nomsindo, nengqumbo, nengcolo, nonyeliso, ndawonye nolunya lonke
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:31
5
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:26-27
Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile; kananjalo musani ukumkhwelela indawo uMtyholi lo.
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:26-27
6
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:22-24
yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla; manihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu; Nambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:22-24
7
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:3
Zabalazelani ukubugcina ubunye boMoya ngentambo yoxolo.
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:3
8
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:11-13
Wabapha abanye ukuba babe ngabapostile; abanye ke bangabaprofeti; inxenye yaba ngabashumayeli; inxenye ke yaba ngabalusi nabafundisi; ukuze abangcwele bagqibelele, kuse umsebenzi wolungiselelo, ukuze uwakhe umzimba kaKristu; side thina sonke sifike kubo ubunye bokholo, nobokumazi okumazi kakuhle uNyana kaThixo, ebudodeni obupheleleyo, emlinganisweni wobukhulu bokuzala kukaKristu
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:11-13
9
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:14-15
ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, ngokukhohlisa kwabantu, ngobuqhetseba bobuqhinga; Ke sithetha inyaniso ngothando, sikhule ngeendawo zonke kuye, lo uyintloko, uKristu
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 4:14-15
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo