KWABASE-EFESE 4:14-15
KWABASE-EFESE 4:14-15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, ngokunyanga kwabantu, ngobuqhetseba obusemaqhingeni olahlekiso; síthi ke, sinyanisekile eluthandweni, sikhulele, ngeendawo zonke, kuye lo uyintloko, uKristu
KWABASE-EFESE 4:14-15 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoku ke asisengobantwana abafane bakhukuliseke ngamaza, baphephetheke nayiyiphi na imimoya yeemfundiso zabakhohlisi abalahlekisa abantu ngobuqhetseba. Ndaweni yaloo nto inyaniso masiyithethe siqhutywa luthando, khon' ukuze siye simfuza uYesu ngokupheleleyo. Kaloku nguye intloko.
KWABASE-EFESE 4:14-15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, ngokukhohlisa kwabantu, ngobuqhetseba bobuqhinga; Ke sithetha inyaniso ngothando, sikhule ngeendawo zonke kuye, lo uyintloko, uKristu
KWABASE-EFESE 4:14-15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
ukuze singabi sengabantwana, sijingajingiswa siqu̔tywaqu̔tywa yiyo yonke imimoya yemfundiso, ekunyangeni kwabantu, ebuqokolweni obuyelela ubuqinga bolahlekiso; kodwa siti, sibamba inyaniso elutandweni nje, sikulele kwa kuye ezintweni zonke, oyintloko, u‐Kristu