Wathi kuye, Yabona, wena waluphele, oonyana bakho abahambi ngeendlela zakho; simisele ngoko ukumkani wokusilawula, njengeentlanga zonke. Kodwa loo nto yaba imbi emehlweni kaSamuweli, xa bathi, Sinike ukumkani ukuba asilawule. uSamuweli wathandaza kuYehova.