1
U‐Hezekile 18:32
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Ngokuba ndingakutandi ukufa kwalowo ufayo, itsho INKOSI e NGUYEHOVA: ngako ziguquleni, nibudle ubomi.
Thelekisa
Phonononga U‐Hezekile 18:32
2
U‐Hezekile 18:20
Umpefumlo owonayo wona uya kufa: unyana akayi kutwala ityala loyise, kanjalo uyise akayi kutwala ityala lonyana; ukulunga kwolungileyo kwoba pezu kwake, nokukohlakala kwokohlakeleyo kwoba pezu kwake.
Phonononga U‐Hezekile 18:20
3
U‐Hezekile 18:31
Lahlani kuni zonke izigqito zenu, enigqitileyo ngazo; nize nizenzele intliziyo entsha nomoya omtsha: ngokuba kunganina ukuba niya kufa, ndlu ka‐Sirayeli?
Phonononga U‐Hezekile 18:31
4
U‐Hezekile 18:23
Ndika nditande na ukufa kwokohlakeleyo? itsho INKOSI e NGUYEHOVA; anditandi na ukuba aguquke endleleni yake, adle ubomi?
Phonononga U‐Hezekile 18:23
5
U‐Hezekile 18:21
Kodwa okohlakeleyo nxa aguqukayo kuzo zonke izono zake azenzileyo, ayigcine yonke imimiso yam, akwenze okufanelekileyo nokulungileyo, uya kudla ubomi ngenyaniso, akayi kufa.
Phonononga U‐Hezekile 18:21
6
U‐Hezekile 18:9
ohambile emimisweni yam, nezigwebo zam uzigcinile, ukwenza ngenene: ulungile yena, uya kubudla ubomi ngenyaniso, itsho INKOSI e NGUYEHOVA.
Phonononga U‐Hezekile 18:9
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo