1
Eyesibini yokumkani 6:17
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Waza watandaza u‐Elisha, wati: YEHOVA! zugabule amehlo ake, ukuze abone. Wandula UYEHOVA wagabula amehlo omfana lowo, wada wabona; kekaloku, bona ke, intaba ibizele ngamahashe nenqwelwana zomlilo zimgqonga u‐Elisha.
Thelekisa
Phonononga Eyesibini yokumkani 6:17
2
Eyesibini yokumkani 6:16
Yayisiti: Ungoyiki; ngokuba bebaninzi abanati pezu kwabanabo.
Phonononga Eyesibini yokumkani 6:16
3
Eyesibini yokumkani 6:15
Waza wavuka kusasa umkonzi wendoda KATIXO, wapuma ke; kekaloku nantsiya impi isingqonga isixeko, kwa namahashe nenqwelwana. Wandula umfana wayo wati kuyo: Au, nkosi yam! sesiya kuti nina ke?
Phonononga Eyesibini yokumkani 6:15
4
Eyesibini yokumkani 6:18
Xeshekweni babehlele kuye, watandaza u‐Elisha KUYEHOVA, wati: Zubabete ababantu ngobumfama. Waza wababeta ngobumfama, njengelizwi lika‐Elisha.
Phonononga Eyesibini yokumkani 6:18
5
Eyesibini yokumkani 6:6
Yati indoda KATIXO: Yeyele pina? Waza wayibonisa indawo. Yandula yanqumla uluti, yaluposela kona; yadada ke intsimbi.
Phonononga Eyesibini yokumkani 6:6
6
Eyesibini yokumkani 6:5
Kekaloku xeshekweni omnye abewisa umqadi, yati intsimbi yeyela emanzini; waza wakala, wati: Au, nkosi! ngokuba ibibolekiwe.
Phonononga Eyesibini yokumkani 6:5
7
Eyesibini yokumkani 6:7
Yaza yati: Yicole kuwe. Wayesolula isandla sake, wayitabata.
Phonononga Eyesibini yokumkani 6:7
Home
Bible
Plans
Videos