1
ISITYHILELO 20:15
IBHAYIBHILE
Wonke umntu ogama lingabhalwanga encwadini yeenkcukacha zobomi waphoswa echibini elivuthayo.
Thelekisa
Phonononga ISITYHILELO 20:15
2
ISITYHILELO 20:12
Ndababona abafileyo, abakhulu kwanabanci, bemile phambi kwesihlalo sokulawula. Zavulwa iincwadi, kwaza kwavulwa nenye incwadi eneenkcukacha zobomi. Abo bafileyo bagwetywa ngokwengxelo yezenzo zabo eyayibhalwe kwezo ncwadi.
Phonononga ISITYHILELO 20:12
3
ISITYHILELO 20:13-14
Ulwandle, ukufa, nelabafileyo labakhuphela ngaphandle abafileyo ababekulo. Umntu ngamnye wagwetywa ngokwezenzo zakhe. Ukufa nelabafileyo kwaphoswa echibini elivuthayo. Eli chibi lomlilo ke kukufa kwesibini.
Phonononga ISITYHILELO 20:13-14
4
ISITYHILELO 20:11
Ndaza ke ndabona isihlalo sokulawula esimhlophe, kukho ohleli kuso. Umhlaba namazulu ambaleka, awaba sabonakala.
Phonononga ISITYHILELO 20:11
5
ISITYHILELO 20:7-8
Iya kuthi ke yakuphela iminyaka eliwaka, akhululwe umtyholi enzonzobileni. Ekhululekile ke uya kuzilahlekisa izizwe kumagumbi omane ehlabathi; ezo ke nguGogi noMagogi. Umtyholi uya kuziqokelela zibe zininzi njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, aye nazo emfazweni.
Phonononga ISITYHILELO 20:7-8
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo