1
ISITYHILELO 21:4
IBHAYIBHILE
Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”
Thelekisa
Phonononga ISITYHILELO 21:4
2
ISITYHILELO 21:5
Ke lowo uhleli esihlalweni sokulawula wathi: “Ngoku yonke indalo ndiyenza ntsha.” Ubuye wathi: “Bhala kaloku! La mazwi ndiwathethayo athembekile, ayinyaniso.”
Phonononga ISITYHILELO 21:5
3
ISITYHILELO 21:3
Ndive ilizwi elikhulu, livela ngasesihlalweni sokulawula, lisithi: “Uyasibona esi sixeko? Kulapho uThixo ahlala khona nabantu. Uya kuhlala phakathi kwabo, babe yimilowo yakhe, yena abe nguThixo wabo. UThixo ngenkqu uya kuhlala nabo.
Phonononga ISITYHILELO 21:3
4
ISITYHILELO 21:6
Wabuya wathi: “Sekwenzekile. Ndim u-A kwano-Z, ndim isiqalo nesiphelo. Nabani na onxaniweyo ndomnika ngesisa amanzi aphuma emthonjeni odlisa ubomi.
Phonononga ISITYHILELO 21:6
5
ISITYHILELO 21:7
Lowo woyisayo wozixhamla zibe lilifa lakhe ezi zinto. Mna ndoba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.
Phonononga ISITYHILELO 21:7
6
ISITYHILELO 21:8
Kodwa ilifa lamagwala, abangakholwayo, izingcoli, izigwinta, abarheletyi, amagqwirha, abanquli-zithixo, nawo onke amaxoki, loba kukufa kwesibini kwidike lomlilo ovutha yisalfa.”
Phonononga ISITYHILELO 21:8
7
ISITYHILELO 21:1
Ndabona izulu elitsha nehlabathi elitsha. Kaloku elokuqala izulu nelokuqala ihlabathi laliselidlule. Kwakungasekho nolwandle olu.
Phonononga ISITYHILELO 21:1
8
ISITYHILELO 21:2
Ndabona nesixeko esingcwele, iJerusalem entsha, isihla ivela kuThixo ezulwini. Yayingasentle! Yayingathi ngumtshakazi ehombele umyeni.
Phonononga ISITYHILELO 21:2
9
ISITYHILELO 21:23-24
Isixeko sasingadingi langa nanyanga yakusikhanyisela. Sasikhanyiselwa bubuqaqawuli bukaThixo nalo iXhwane. Izizwe ziya kuhamba ekukhanyeni kwaso; iikumkani zehlabathi zowazisa kuso amagugu azo.
Phonononga ISITYHILELO 21:23-24
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo