1
UMARKO 16:15
IBHAYIBHILE
Wathi ke kubo: “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezimnandi kulo lonke elimiweyo.
Thelekisa
Phonononga UMARKO 16:15
2
UMARKO 16:17-18
Nantsi imiqondiso eya kulandelana nâbo bakholwayo: baya kuthi egameni lam bakhuphe iindimoni; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha; baya kuziphatha ngesandla iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayiyi kukha ibenzakalise; baya kuyibeka izandla imilwelwe, iphile.”] [
Phonononga UMARKO 16:17-18
3
UMARKO 16:16
Lowo ukholwayo abhaptizwe wosindiswa; ke yena ongakholwayo wogwetywa.
Phonononga UMARKO 16:16
4
UMARKO 16:20
Ke bona abafundi bâya kushumayela kuzo zonke iindawo, iNkosi isebenza kunye nabo, iwangqina amazwi abo ngemiqondiso.]
Phonononga UMARKO 16:20
5
UMARKO 16:6
Yathi ke yona kubo: “Musani ukumangaliseka. Nifuna uYesu umNazarete, owayebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile; akakho apha. Nantsi indawo abebembeke kuyo.
Phonononga UMARKO 16:6
6
UMARKO 16:4-5
Elo litye lalilikhulu kakhulu, baza bathi bakukhangela babona ukuba liqengqiwe lesuka engcwabeni. Bangena ke engcwabeni, babona indodana ehleli ngasekunene, izithe wambu ngengubo ende emhlophe, baza bamangaliswa.
Phonononga UMARKO 16:4-5
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo