1
ULUKA 9:23
IBHAYIBHILE
UYesu ke wabhekisa kubo bonke wathi: “Osukuba ethanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele
Thelekisa
Phonononga ULUKA 9:23
2
ULUKA 9:24
kuba othe wabukokosa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.
Phonononga ULUKA 9:24
3
ULUKA 9:62
UYesu wathi kuye: “Umntu ojonga ngasemva, ebambe ikhuba, uyabhanka. Ngokunjalo ke nomntu ophunguzayo ekhonza uThixo, uyaphoswa bubuncwane bokulawulwa nguThixo.”
Phonononga ULUKA 9:62
4
ULUKA 9:25
Kuba kaloku komnceda ntoni na umntu ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, abe yena ezilahlile okanye onakalelwe?
Phonononga ULUKA 9:25
5
ULUKA 9:26
Kuba othe waneentloni ngam, nangamazwi am, naye uNyana woLuntu woba neentloni ngaye, xa eza esewongeni lakhe nelikaYise nelezithunywa ezingcwele.
Phonononga ULUKA 9:26
6
ULUKA 9:58
Waza uYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwana; kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.”
Phonononga ULUKA 9:58
7
ULUKA 9:48
wathi kubo: “Othe wamamkela lo mntwana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo undithumileyo; kuba oyena mncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.”
Phonononga ULUKA 9:48
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo