1
UISAYA 60:1
IBHAYIBHILE
Khawuvuke! Vuka, Jerusalem! Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile; isihomo *sikaNdikhoyo sikujikelezile.
Thelekisa
Phonononga UISAYA 60:1
2
UISAYA 60:3
Oko kukhanya kotsala neentlanga, nezikumkani ngokwazo uzikhange loo mso.
Phonononga UISAYA 60:3
3
UISAYA 60:2
Nâbo ubumnyama phezu kwehlabathi; umnyam' ombonde-mbonde uvalel' izizwe. Kodwa ke uNdikhoyo uyakukhanyisela; ukukhanya kwesihomo sakhe kuphezu kwakho.
Phonononga UISAYA 60:2
4
UISAYA 60:22
Noyena ungathangani uya kuba njengomkhosi, kanti noyena ungazelwe nto woba sisizwe esomeleleyo. Lakufika ixesha le nto ndoyenza ngesiquphe, kuba kaloku mna ndinguNdikhoyo.”
Phonononga UISAYA 60:22
5
UISAYA 60:19
Emini awusayi kukhanyiselwa lilanga; ebusuku alisayi kubakho ilitha lenyanga; koko wokhanyiselwa bubungangamsha bam; mna Ndikhoyo ndokukhanyisela ngonaphakade.
Phonononga UISAYA 60:19
6
UISAYA 60:20
Awusayi kuphinda utshonelwe langa, nenyanga ayisayi kubuya iphele; uNdikhoyo wokukhanyisela nanini-nanini, ingaze ibuye ibekho imihla yesingqala.
Phonononga UISAYA 60:20
7
UISAYA 60:5
Wothi ungabona, utsho ube nemihlali; uya kutsho uhlasimle kukuchulumacha. Kaloku ubutyebi bezizwe boza kuwe; ubutyebi bothi gqi naphesheya kweelwandle.
Phonononga UISAYA 60:5
8
UISAYA 60:4
Khawubheka-bheke ude uqwalasele; bonke bayaqokelelana, bayeza! Oonyana beza bevel' ekudeni; iintombi zona ziza zisingathiwe.
Phonononga UISAYA 60:4
9
UISAYA 60:21
Abantu bakho boba ngabalungileyo, umhlaba bawume kude kube ngunaphakade. Bona basisithole esimiliselwe ndim; ewe, bangumsebenzi wezandla zam, ukuze babhengeze udumo lwam jikelele.
Phonononga UISAYA 60:21
10
UISAYA 60:18
Ubundlobongela buya kuba yintsomi, imbubho nentshabalalo ziphele emideni yakho. Uya kubiyelwa ngosindiso, uvalwe ngendumiso.
Phonononga UISAYA 60:18
11
UISAYA 60:11
Amasango akho ohlala evulwe ng'aa! Imini nobusuku wona soze avalwe, ukuze abantu bakuzisele ubutyebi bezizwe, izikumkani zazo ziluludwe, zona zingumngcelele wabathinjwa.
Phonononga UISAYA 60:11
12
UISAYA 60:6
Ilizwe lozala yimihlambi yeenkamela namankonyane aseMidiyan naseHefa. NabaseShebha baya kuza begxalathelana, bepheth' igolide kunye nesiqhumiso, bebhengeza bedumisa uNdikhoyo.
Phonononga UISAYA 60:6
13
UISAYA 60:10
KwiJerusalem ke uNdikhoyo uthi: “Iindonga zakho zokwakhiwa ziintlanga, izikumkani zazo ke zona zikuququzelele. Kuba kaloku ndanohlwaya ngomsindo, ke ngoku ndiyimvuze-mvuze ngobubele.
Phonononga UISAYA 60:10
14
UISAYA 60:15
“Nangona ushiyiwe uthiyiwe, kungasekho bani udlulayo, ndiya kukwenza iqhayiya laphakade, uvuyo lwezizukulwana ngezizukulwana.
Phonononga UISAYA 60:15
15
UISAYA 60:16
Izizwe nezikumkani ziya kukuququzelela, zifane nomfazi okhulisa usana lwakhe. Nawe ke uya kutsho uqonde ukuba ndim mna Ndikhoyo okusindisileyo, wazi ukuba ngenene ukhululwe yiNgangalala enguThixo kaYakobi.
Phonononga UISAYA 60:16
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo