1
UISAYA 59:2
IBHAYIBHILE
Nto nje ubugwenxa benu bungumqobo; buthe zinzi phakathi kwenu noThixo. Ewe, zizono zenu ezimsithayo uThixo kuni, yiyo nale nto ngáthi akaniva.
Thelekisa
Phonononga UISAYA 59:2
2
UISAYA 59:1
Ngenene isandla *sikaNdikhoyo asisifutshane ukuba ade angabi nako ukumhlangula umntu. Ewe, yena akasiso isithulu ukuba ade angeva.
Phonononga UISAYA 59:1
3
UISAYA 59:21
UNdikhoyo uthi: “Ndiza kwenza umnqophiso nani. Amandla nemfundiso endininike yona yohlala iyeyenu; ngokunjalo ke ukusukela ngoku ngamana nandithobela, nide nifundise nesizukulwana senu, khon' ukuze naso sindithobele kude kuye ephakadeni.”
Phonononga UISAYA 59:21
4
UISAYA 59:19
Entshonalanga bonkwantya besoyika uNdikhoyo, lufikelele nasempuma udumo lwakhe. Ekuhlaseleni kotshaba oluza ngokomlambo otyhulubayo, uMoya kaNdikhoyo uya kuluswantsulisa.
Phonononga UISAYA 59:19
5
UISAYA 59:20
“UMkhululi uyeza eZiyon; uza kukhulula abakwaYakobi abazisolayo ngezono zabo.” Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.
Phonononga UISAYA 59:20
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo