Ilizwi lam nqwa nekhephu nemvula:
ziphuma esibhakabhakeni,
kanti ke azigoduki ngaphandle kokumanzisa umhlaba,
zikhulise izityalo,
umlimi zimnike imbewu,
olambileyo zimnike ukutya.
Likwanjalo ke nelizwi endilithethayo:
alibuyi lilambatha,
koko liyawufezekisa umnqweno wam,
liliqaqambise icebo lam.