Iintlanga ezizibandakanya noNdikhoyo,
ezizinikeleyo kuye zimsebenzela,
ezizimiseleyo ukuba zizicaka zakhe,
lowo uwuhloneleyo uMhla wokuPhumla,
umntu ongawudeliyo awuxabhele,
owuthobelayo pheleleyo umnqophiso wam –
abanjalo ndobasa kwintaba yam eyodwa,
bonwabe endlwini yam yokuthandaza.
Amadini abo atshiswayo kunye neminikelo
aya kwamkeleka kwiqonga lam lamadini.
Kaloku indlu yam kothiwa yindlu yokuthandaza iintlanga zonke. ”