1
UHEZEKILE 18:32
IBHAYIBHILE
Andikholiswa kukufa kwakhe nabani na, itsho iNkosi uNdikhoyo. Guqukani, nidle ubomi!”
Thelekisa
Phonononga UHEZEKILE 18:32
2
UHEZEKILE 18:20
Ngumntu owonileyo oya kufa. Unyana akayi kulithwala ityala likayise, noyise akayi kulithwala ityala lonyana. Olungileyo uya kuvuzwa ngobulungisa bakhe, okhohlakeleyo ohlwaywe ngenkohlakalo yakhe.
Phonononga UHEZEKILE 18:20
3
UHEZEKILE 18:31
Yahlukanani nezikreqo ebenifudula nizenza, nizifumanele intliziyo entsha, nomoya omtsha. Ngani ukuba nife, ndlu kaSirayeli?
Phonononga UHEZEKILE 18:31
4
UHEZEKILE 18:23
Nanku ke umlomo weNkosi uNdikhoyo: Ngaba kuyandikholisa na ukufa komntu okhohlakeleyo? Hayi bo, into endikholisayo kukuba azijike iindlela zakhe, aze adle ubomi.
Phonononga UHEZEKILE 18:23
5
UHEZEKILE 18:21
“Kodwa ukuba okhohlakeleyo uthe wazishiya izono zakhe, wahamba ngokwayo yonke imimiselo yam, wenza okulungileyo nobulungisa, akayi kufa, kodwa uya kubudla ubomi.
Phonononga UHEZEKILE 18:21
6
UHEZEKILE 18:9
Wenza ngokwemimiselo yam, anyaniseke ekugcineni imithetho yam. “Lowo ke ulilungisa; ngenene uya kubudla ubomi, itsho iNkosi uNdikhoyo.
Phonononga UHEZEKILE 18:9
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo