1
1 YOOKUMKANI 19:12
IBHAYIBHILE
Emva kwaloo nyikima ke kwavela umlilo, ukanti ke nalapho kuwo wayengekho uNdikhoyo. Wakudlula umlilo kwabakho impepho ethi sebe-sebe.
Thelekisa
Phonononga 1 YOOKUMKANI 19:12
2
1 YOOKUMKANI 19:4
Ke yena wathatha uhambo lwemini enye, wangena entlango. Wathi ke akufumana umthi wonwele, wahlala phantsi kwawo, wathandazela ukuba afe. Wathi: “Kwanele ngoku, *Ndikhoyo! Buthathe ubomi bam; kuba andilunganga ukugqitha oobawo.”
Phonononga 1 YOOKUMKANI 19:4
3
1 YOOKUMKANI 19:11
UNdikhoyo waphendula wathi: “Hamba uye kuma phezu kwentaba phambi koNdikhoyo, kuba uNdikhoyo uza kudlula khona.” Ke kaloku kwabhudla isitshu somoyakazi omkhulu owaqhaqhambisa amawa, watsho kwacandeka neentaba; ukanti ke yena uNdikhoyo wayengekho apho kuwo. Emva komoya lowo kwabakho inyikima, kanti ke nalapho kuyo wayengekho yena uNdikhoyo.
Phonononga 1 YOOKUMKANI 19:11
4
1 YOOKUMKANI 19:13
Akuyiva ke uEliya wazigquma ubuso ngomnweba wakhe, waphuma wema emnyango apho kuloo mqolomba. Kwavakala ilizwi lisithi: “Ukho ngani apha, Eliya?”
Phonononga 1 YOOKUMKANI 19:13
5
1 YOOKUMKANI 19:9
Apho ke wafumana umqolomba, waza walala khona. Ke kaloku uEliya wafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo lisithi: “Ukho ngani apha, Eliya?”
Phonononga 1 YOOKUMKANI 19:9
6
1 YOOKUMKANI 19:8
Wavuka ke, watya wasela. Oko kutya ke kwamomeleza, waza wathatha uhambo lweentsuku ezimashumi mane nobusuku bazo, wada waya kufika eHorebhe, intaba kaThixo.
Phonononga 1 YOOKUMKANI 19:8
7
1 YOOKUMKANI 19:5
Wasuka ke wangqenqa apho phantsi kwaloo mthi wonwele, wasindwa bubuthongo, walala. Kwabonakala isithunywa sezulu, samshukumisa uEliya, sathi: “Vuka, utye!”
Phonononga 1 YOOKUMKANI 19:5
8
1 YOOKUMKANI 19:7
Siphinde sabuya isithunywa sikaNdikhoyo, samshukumisa sathi: “Vuka utye, kuba lude uhambo lwakho.”
Phonononga 1 YOOKUMKANI 19:7
9
1 YOOKUMKANI 19:10
Ke yena wathi: “Ndenziwe likhwele ngenxa kaNdikhoyo uThixo uSomandla. Kaloku amaSirayeli awukhabile umnqophiso wakho; awadilizile namaqonga akho, nabashumayeli bakho ababulele ngekrele. Ngoku ke sendisele ndodwa; nam ngokwam ke afuna ukundibulala.”
Phonononga 1 YOOKUMKANI 19:10
10
1 YOOKUMKANI 19:6
Wathi khwaphululu walaqaza, waza wabona iqebengwana lesonka ebesojiwe ngamalahle ashushu, kunye nendebe yamanzi. Wathatha ke, watya wasela, waza waphinda walala.
Phonononga 1 YOOKUMKANI 19:6
11
1 YOOKUMKANI 19:2
Ngoko ke uJezebhele wathumela kuEliya esithi: “Mabandohlwaye oothixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba lide lafika ingomso ungekabi njengabo abo bashumayeli bakaBhali.”
Phonononga 1 YOOKUMKANI 19:2
12
1 YOOKUMKANI 19:18
Kambe ke kwaSirayeli apha ndozigcinela loo mawaka asixhenxe abantu abamadolo angazange aguqe kuBhali, nabamilomo ingazange iwange umfanekiso wakhe.”
Phonononga 1 YOOKUMKANI 19:18
13
1 YOOKUMKANI 19:19
Ngoko ke uEliya waphuma apho, waza wadibana naye uElisha unyana kaShafati. Wayelima ngezipani ezilishumi elinambini, isipani ngasinye sineenkabi ezimbini, inguye ngokwakhe oqhuba esi seshumi elinambini. UEliya waya kuye ngqo, wafika wamambathisa ngomnweba wakhe.
Phonononga 1 YOOKUMKANI 19:19
14
1 YOOKUMKANI 19:21
Ngoko ke uElisha wamshiya wagoduka. Wathatha iinkabi ezimbini, wazixhela, wayipheka inyama yazo, ebase ngedyokhwe yazo, inyama leyo wayinika abantu, bayitya. Ke yena wemka walandela uEliya, waba lihlakani lakhe.
Phonononga 1 YOOKUMKANI 19:21
15
1 YOOKUMKANI 19:20
Ke uElisha wazishiya iinkabi ezo, waza wabaleka emva koEliya. Wathi kuye: “Makhe ndiye kwanga utata nomama kuqala, ukuze ke ndihambe nawe.” UEliya waphendula wathi: “Hamba kaloku; andikuthinteli nganto.”
Phonononga 1 YOOKUMKANI 19:20
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo