1
IINDUMISO 95:6-7
IZIBHALO EZINGCWELE
Yizani, masiqubude, siguqe, Sithobe phambi koYehova umenzi wethu. Ngokuba nguThixo wethu yena, Thina ke singabantu bokwalúswa nguye, nezimvu zesandla sakhe. Namhla, ukuba ninokuliva izwi lakhe
Thelekisa
Phonononga IINDUMISO 95:6-7
2
IINDUMISO 95:1-2
Yizani simemelele kuYehova, Sidume kwiliwa lokusindiswa kwethu. Masize phambi kobuso bakhe sinombulelo, Masidume kuye ngeengoma.
Phonononga IINDUMISO 95:1-2
3
IINDUMISO 95:3
Ngokuba uThixo omkhulu nguYehova, NguKumkani omkhulu ngaphezu koothixo bonke.
Phonononga IINDUMISO 95:3
4
IINDUMISO 95:4
Uzisesandleni sakhe iingontsingontsi zehlabathi, Neencopho zeentaba zezakhe.
Phonononga IINDUMISO 95:4
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo