1
UMATEYU 21:22
IZIBHALO EZINGCWELE
Neento zonke enithe nazicela ekuthandazeni nikholwa, nozamkela.
Thelekisa
Phonononga UMATEYU 21:22
2
UMATEYU 21:21
Waphendula ke uYesu wathi kubo, Inene, ndithi kuni, ukuba nithe nanokholo, anathandabuza, anisayi kwenza le nto yomkhiwane yodwa; kosuka, nokuba nithe kule ntaba, Thabatheka uphoseke elwandle, kwenzeke.
Phonononga UMATEYU 21:21
3
UMATEYU 21:9
Zaye ke izihlwele, ebezihamba ngaphambili nebezilandela, zidanduluka, zisithi, Hosana kuye unyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!
Phonononga UMATEYU 21:9
4
UMATEYU 21:13
athi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange.
Phonononga UMATEYU 21:13
5
UMATEYU 21:5
Yithini kwintombi uZiyon, Yabona, uKumkani wakho uza kuwe, Enobulali, ekhwele e-esileni, ilithole ke, Inkonyana yento ebotshwayo. (UZek. 9:9)
Phonononga UMATEYU 21:5
6
UMATEYU 21:42
Athi kubo uYesu, Anizanga nilese na ezibhalweni ukuthi, Ilitye abalicekisáyo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; Kwavela eNkosini oku, Kungummangaliso emehlweni ethu? (INdum. 118:22)
Phonononga UMATEYU 21:42
7
UMATEYU 21:43
Ngenxa yoko ndithi kuni, Ubukumkani bukaThixo buya kususwa kuni, bunikwe uhlanga oluzivelisayo iziqhamo zabo.
Phonononga UMATEYU 21:43
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo