1
UMATEYU 22:37-39
IZIBHALO EZINGCWELE
Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela. Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
Thelekisa
Phonononga UMATEYU 22:37-39
2
UMATEYU 22:40
Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.
Phonononga UMATEYU 22:40
3
UMATEYU 22:14
Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.
Phonononga UMATEYU 22:14
4
UMATEYU 22:30
Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini.
Phonononga UMATEYU 22:30
5
UMATEYU 22:19-21
Ndiboniseni iqhosha lerhafu. Bamzisela ke idenariyo.• Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? Bathi kuye, NgokaKesare. Andule ukuthi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, neento zikaThixo kuThixo.
Phonononga UMATEYU 22:19-21
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo