1
UISAYA 9:6
IZIBHALO EZINGCWELE
Ngokuba sizalélwe umntwana, sinikwé unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo
Thelekisa
Phonononga UISAYA 9:6
2
UISAYA 9:2
Abantu abo bàhamba emnyameni baboné ukukhanya okukhulu; abemi basezweni lethunzi lokufa, ukukhanya kubengezéle phezu kwabo.
Phonononga UISAYA 9:2
3
UISAYA 9:7
ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumìswe buxhàswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni. Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko.
Phonononga UISAYA 9:7
4
UISAYA 9:5
Ngokuba zonke izihlangu zabanyathela ngezihlangu ekungxoleni kokulwa, neengubo ezityikitywe emagazini, ezo ziya kutshiswa, zibe kukudla komlilo.
Phonononga UISAYA 9:5
5
UISAYA 9:1
Ngokuba akuyi kuhlala kuthe ncithi kwelinengcutheko. Ngexesha lokuqala walicukuceza ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali; ngelakamva uya kuyizukisa indlela yaselwandle, phesheya kweYordan, ummandla weentlanga.•
Phonononga UISAYA 9:1
6
UISAYA 9:3
Ùyalwandisa uhlanga, ulukhulisela uvuyo; bayavuya phambi kwakho, njengokuvuya kwexa lokuvuna, njengokuvuyelela kwabo ekwabeni kwabo amaxhoba.
Phonononga UISAYA 9:3
7
UISAYA 9:4
Kuba idyokhwe yomthwalo wabo noswazi lwamagxa abo, intonga yomqhubi wabo, ùyaphule njengemini yakwaMidiyan.
Phonononga UISAYA 9:4
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo