UISAYA 9:1
UISAYA 9:1 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngokuba akuyi kuhlala kuthe ncithi kwelinengcutheko. Ngexesha lokuqala walicukuceza ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali; ngelakamva uya kuyizukisa indlela yaselwandle, phesheya kweYordan, ummandla weentlanga.•
UISAYA 9:1 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kambe ke akuyi kuhlala kumnyama kwabo bebesezinkxwalekweni. Kwilixa lamandulo elakwaZebhulon nelakwaNafetali lalidelekile, kambe ke kwilixa elizayo lo mmandla uya kuzuza udumo; nditsho ukusuka kulwandle lwasempuma ujikele uwele iJordan, uye kuthi gaa ngeGalili yeentlanga.
UISAYA 9:1 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke yena ubumnyama abuyi kuba njengomsindo wakhe, ekulitshutshiseni kwakhe ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali umzuzwana, wabatshutshisa kakubi endleleni eya elwandle, phesheya kweYordan, iGalili yeentlanga.
UISAYA 9:1 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kodwa akuyi kumana kusibekelelwa, apo isitukutezi besifudula sikona: njengokuba ebete ngexesha lapambili wangenisa ilizwe lakwa‐Zebulone nelizwe lakwa‐Nefatali ekudelweni, woti ke kamva awenze abe nokubekwa — awendlela yaselwandle, pesheya kwe‐Yoredane, i‐Galili yabaheyideni.