1
UISAYA 54:17
IZIBHALO EZINGCWELE
Zonke izixhobo ezikhandelwa ukulwa nawe aziyi kuba nampumelelo; zonke iilwimi ezimelene nawe ematyaleni ùya kuzigweba. Lilo eli ilifa labakhonzi bakaYehova, nobulungisa babo obuphuma kum; utsho uYehova.
Thelekisa
Phonononga UISAYA 54:17
2
UISAYA 54:10
Ngokuba zingáde zimke iintaba, neenduli zishukume; yona inceba yam ayiyi kumka kuwe, ungashukumi nomnqophiso wam woxolo; utsho onemfesane kuwe, uYehova.
Phonononga UISAYA 54:10
3
UISAYA 54:4
Musa ukoyika, ngokuba akuyi kudana; musa ukudideka lihlazo, ngokuba akuyi kuba nazintloni. Ngokuba ukudana kobuntombi bakho ùya kukulibala, ungcikivo lobuhlolokazi bakho ungabi salukhumbula.
Phonononga UISAYA 54:4
4
UISAYA 54:5
Ngokuba indoda yakho nguMenzi wakho, ogama lakhe linguYehova wemikhosi; nguMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli, ekuthiwa nguThixo wehlabathi lonke.
Phonononga UISAYA 54:5
5
UISAYA 54:2
Yenze banzi indawo yentente yakho, uwatwabulule amalengalenga eminquba yakho, ungathinteli; zolule izintya zakho, uziqinisele izikhonkwane zakho.
Phonononga UISAYA 54:2
6
UISAYA 54:13
Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova, lube lukhulu uxolo lwabantwana bakho.
Phonononga UISAYA 54:13
7
UISAYA 54:8
Ngomkhukula woburhalarhume ndabusithelisa ubuso bam kuwe okwephanyazo; ndiya kuba nemfesane kuwe ngenceba engunaphakade; utsho uMkhululi wakho uYehova.
Phonononga UISAYA 54:8
8
UISAYA 54:7
Ndakushiya okwephanyazo elincinane; ndiya kukubutha ngemfesane enkulu.
Phonononga UISAYA 54:7
9
UISAYA 54:9
Ngokuba injengonogumbe kaNowa le nto kum; oko ndafungayo ukuba amanzi kaNowa akasayi kuba sahamba phezu kwehlabathi, ngokunjalo ndifungile ukuba andiyi kuba naburhalarhume kuwe, ndingakukhalimeli.
Phonononga UISAYA 54:9
10
UISAYA 54:12
Ndolumisa uqoqo lwakho ngeerubhi,• namasango akho ngamatye abengezelayo, nemida yakho yonke ngamatye anqabileyo.
Phonononga UISAYA 54:12
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo