1
IGENESIS 15:6
IZIBHALO EZINGCWELE
Wakholwa kuYehova; oko wakubalela ebulungiseni kuye.
Thelekisa
Phonononga IGENESIS 15:6
2
IGENESIS 15:1
Emveni kwezo zinto, lafika ilizwi likaYehova kuAbram ngombono, lisithi, Musa ukoyika, Abram; ndiyingweletshetshe yakho, umvuzo wakho omkhulu kunene.
Phonononga IGENESIS 15:1
3
IGENESIS 15:5
Wamsa phandle, wathi, Khawubheke phezulu ezulwini, uzibale iinkwenkwezi, ukuba unokuzibala; wathi kuye, Iya kuba njalo ke imbewu yakho.
Phonononga IGENESIS 15:5
4
IGENESIS 15:4
Nâlo ilizwi likaYehova lifika kuye, lisithi, Akayi kuba yindlamafa yakho lo; ngoya kuphuma ezibilini zakho, yena oya kuba yindlamafa yakho.
Phonononga IGENESIS 15:4
5
IGENESIS 15:13
Wathi kuAbram, Yazi ke, ukuba imbewu yakho iya kuba ngumphambukeli ezweni elingelayo, ibakhonze abo, bayicinezele, iminyaka emakhulu mané.
Phonononga IGENESIS 15:13
6
IGENESIS 15:2
Wathi uAbram, Nkosi yam, Yehova, wondinika ntoni na? Ndihamba ndingenamntwana; indlamafa yendlu yam ngulo Eliyezere waseDamasko.
Phonononga IGENESIS 15:2
7
IGENESIS 15:18
Ngaloo mini ke uYehova wenza umnqophiso noAbram, wathi, Imbewu yakho ndiyiniké eli lizwe, lithabathele emlanjeni waseYiputa, lise emlanjeni omkhulu, emlanjeni ongumEfrati
Phonononga IGENESIS 15:18
8
IGENESIS 15:16
Kwesesiné isizukulwana iya kubuyela apha, kuba ubugwenxa bama-Amori abukazaliseki.
Phonononga IGENESIS 15:16
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo