Ivangeli ka‐Luke 12
12
1PAKATI kwezozinto, nxa abebutelene ndawonye amawakawaka abantu, bada banyatelana, waqala ukuti kubadisipile bake tanci: Lumkelani igwele labafarisi, elibuhanahaniso. 2Akuko nto eselelweyo, engayi kutyilwa; nefihlakeleyo, engayi kwaziwa. 3Ngenxa yoku, konke enikutshiloyo ebumnyameni, kuya kuviwa emhlotsheni; noko nikutetileyo endlebeni ezinkambilini, kuya kushunyayelwa pezu kwentungo zezindlu. 4Nditi ke kuni zihlobo zam: Ningaboyiki abo babulala umzimba, kanti emveni kwoko abananto enkulu ngakumbi abangayenzayo. 5Kodwa ndonibonisa ukuba niya kwoyika banina: yoyikani lowo unegunya lokuba ati emveni kwokubulala apose esihogweni somlilo; ewe, nditi kuni, yoyikani yena lo. 6Akutengiswa amahobohobo mahlanu ngedobulitye mbini na? noko akuko nalinye kuwo lilityelwe ebusweni bukatixo. 7Koko kwa inwele zentloko zenu zibaliwe zonke. Ize ningoyiki ke; nigqitisele amahobohobo amaninzi. 8Nditi kuni kanjako: Osukuba endivuma mna pambi kwabantu, naye unyana wesintu uya kumvuma yena pambi kwengelosi zikatixo: 9kodwa ondikanyeleyo ebusweni babantu, uya kukanyelwa ebusweni bengelosi zikatixo. 10Nosukuba eya kuteta ilizwi ngakuye unyana wesintu, uya kuxolelwa; kodwa ogxekayo umoya oyingcwele, akayi kuxolelwa. 11Naxeshekweni banizisayo ezindlwini zentlanganiso, napambi kwabanobukosi nabanegunya, ningabi nasitukutezi sokuba niya kuzipendulela ngokunjanina umhlaumbi nopendula nto nina, umhlaumbi sokuba niya kuteta nto nina: 12ngokuba umoya oyingcwele eya kunifundisa kwelona ixeshana, izinto enifanele ukuziteta.
13Waza omnye wasesihlweleni wati kuye: Mfundisi! Teta kumkuluwe wam ukuba abelane nam ilifa. 14Kodwa wati kuye: Mntundini! ngubanina owandimisa umgwebi nomabi pezu kwenu? 15Wayesiti kubo: Lumkani nilumkele ububawa; ngokuba ebuninzini bomntu ubomi bake bungemi ngento anazo.
16Waza wateta umzekeliso kubo, esiti: Umhlaba wesityebi esitile wacu̔ma kakulu: 17saza sacamanga pakati kwaso, sisiti: Ndiya kwenza nto nina, ndingenandawo nje apo ndiya kuzihlanganisela kona iziqa̔mo zam? 18Saye sisiti: Lento ndiya kuyenza: ndiya kuci̔ta inyango zam, ndake ezinkulu kuzo, ndize ndizihlanganisele kona zonke izilimo zam nempahla zam; 19ndandiya kuti kumpefumlo wam: Mpefumlo! unempahla ezininzi zibekelwa iminyaka emininzi; yiti upumle, udle, usele, ugcobe. 20Kodwa utixo wati kuye: Sidenge! kwa ngobubusuku kuyabizwa umpefumlo wako kuwe; ezonto uziqwebileyo kanti, zoba zezikabanina? 21Unjalo lowo uzibekelayo indyebo, engenabutyebi ngakutixo.
22Waza wati kubadisipile bake: Ngako oku nditi kuni: Musani ukutukutezelela ubomi benu, ukuba notya nto nina; ningatukutezeleli nomzimba wenu, ukuba niya kwambata nto nina: 23ubomi bukulu kuko ukutya, nomzimba umkulu kuzo izivato. 24Gqalani onomyai, okokuba abahlwayeli, abavuni nokuvuna, ekungeko kubo iqonga nasisele, kanti utixo uyabondla noko: kekaloku nina nizigqitisele intaka kakulu kangakananina? 25Nguwupina ke kuni ongati ngokutukutezela ongezelele ebudeni bake ikubite ibe nye? 26Ukuba ngoko nikohlwa kukwenza into encinane kuzo zonke, yinina ukuba ninesitukutezi ngezinye? 27Gqalani inyibiba, ukuba ziti nina ukuhluma; azisebenzi, azisonti kanjako: kanti nditi kuni, kwa u‐Solomone kubo bonke ubungcwalisa bake akavatiswanga njengenye yezi. 28Ukuba ke inca, eti namhla ibeko ezindle, iti ngomso iposwe eziko, utixo uyenje njalo ukuyivatisa, kwoba kangakananina ngakumbi aya kuvatisa nina, nina balukolo luncinane? 29Nize ningafuni nina ukuba notya nto nina, umhlaumbi ukuba nosela nto nina; niti kanjalo ningabi namatindala: 30ngokuba zonke ezizinto intlanga zelizwe zizifuna; kanjako uyihlo uyazi ukuba niziswele ezizinto. 31Kodwa funani ubukumkani bukatixo, zaziya kuti zonke ezizinto zongezelelwe kuni.
32Ungoyiki, mhlambi omncinane! ngokuba uyihlo etanda ukupa nina ubukumkani. 33Tengisani ngento eninazo, nipe amalizo: zenzeleni izidla ezingabi zindala, indyebo engenakupela ezulwini, apo isela lingasondeli nenundu lingadli kona: 34ngokuba apo ikona indyebo yenu, yoba kwa kona nentliziyo yenu. 35Mazibe izinqe zenu zibinqiwe, nezibane zenu zivuta; 36nani yibani nifana nabantu belinda inkosi yabo, mhlenikweni aya kunduluka emtshatweni, baze bati, yakufika yaqongqota, bayivulele kamsinya. 37Zinetamsanqa izicaka ezo, iya kuti inkosi yazo, yakufika, izifumane zilinda. Ngokwenene nditi kuni: Iya kuzibinqa, izihlalise pantsi, isondele izikonze. 38Nokuba iti ifike ngevaṙasho lesibini, umhlaumbi ifike ngevaṙasho lesitatu, izifumane zinjalo, zinetamsanqa izicaka ezo. 39Kodwa qondani oku, ukuba umninindlu ebesazi yiyipina iyure isela liza ngayo, ange elinda, angavumeli ukuba igqotyozwe indlu yake. 40Nani ngoko yibani nilungile; ngokuba ngeyure eningayikumbuleliyo unyana wesintu esiza.
41Waza u‐Petrosi wati kuye: Nkosi! uwuteta lomzekeliso kuti tina, uwuteta kubo bonke, kusinina? 42Yayisiti inkosi: Ngubanina ke elogosa linyanisekileyo nelilumkileyo, eyati inkosi yalo yalimisela pezu kwabendlu yayo, ukuba libanike ngexesha elifanelekileyo isabelwa sokudla? 43Sinetamsanqa isicaka eso, iya kuti inkosi yaso, yakufika, isifumane sisenje njalo. 44Ngenyaniso nditi kuni: Iya kusimisela pezu kwayo yonke impahla yayo. 45Kodwa xeshekweni isicaka eso siti entliziyweni yaso: Inkosi yam iyalibala ukuza; size siqale ukubeta izicaka nezicakakazi, nokutya, nokusela, nokunxila; 46yofika inkosi yesicaka eso ngemini esingayikangeliyo ngayo, nangeyure esingayaziyo, isisike kubini, imise isabiwo saso ndawonye nabangakolwayo. 47Nesosicaka esibe siyazi intando yenkosi yaso, kanti asalungiselela, asenza nokwenza ngentando yayo, siya kubetwa ngemivimbo emininzi: 48koko eso sibe singazi, kodwa senza izinto ezifanele imivimbo, siya kubetwa ngemincinane. Kanjalo osukuba epiwe okukulu, okukulu kwobizwa kuye; nalowo unikelweyo okukulu, kwocelwa kuye okukulu ngakumbi.
49Ndeza kutuma umlilo emhlabeni; ngendifuna nto nina ke, ukuba ubuse uvutile? 50Kodwa kuko ubapitizesho endifanele ukubapitizeshwa ngalo; ndibandezelwa kakulu kangakananina ke lude lufezwe! 51Niba ndavela ukunika uxolo emhlabeni na? Nditi kuni: Nakanye; kuya kubako ukupambana. 52Ngokuba emveni kwakaloku nje kuya kubako abahlanu endlwini nye bepambene, abatatu nababini, nababini nabatatu. 53Uyise uya kupambana nonyana, nonyana noyise; unina nentombi, nentombi nonina; unondoda nomolo kazana, nomolokazana nonondoda.
54Wabesiti nakwizihlwele: Xeshekweni nibona ilifu elitile linyuka entshonalanga, senisiti: Isipango siyeza; kuhle njalo ke. 55Naxeshekweni niva umoya wasesuyide uvutela, niti: Kwobako ubushushu; kuhle ke. 56Zihanahanisindini! ukubonakala kwomhlaba nokwezulu niyazi ukukunakana; kodwa ixesha eli kunganina ukuba ningalinakani? 57Ewe kanjalo yinina ukuba ningagwebi ngokwenu oko kulungileyo? 58Ngokuba xeshekweni uya nalowo ukumangeleleyo pambi kwenkosi, yiti endleleni uzamele ukukululwa kuye; hleze akur̔olele emgwebini, ati umgwebi akunikele kumsila, aze umsila akupose entolongweni. 59Nditi kuwe: Akusayi kuza upume kona, ude uhlaule nemalanyana yokugqibela.
Выбрано:
Ivangeli ka‐Luke 12: XHO1902A
Выделить
Поделиться
Копировать
Хотите, чтобы то, что вы выделили, сохранялось на всех ваших устройствах? Зарегистрируйтесь или авторизуйтесь
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.