Ivangeli ka‐Luke 11
11
1KWAZA kwati, nxa ebesendaweni etile etandaza, akupeza, wati omnye wakubadisipile bake kuye: Nkosi! sifundise tina ukutandaza, njengokuba no‐Johane wafundisa abadisipile bake. 2Wayesiti kubo: Xeshekweni nitandazayo, yitini: Bawo wetu osezulwini! Malipatwe ngobungcwele igama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, njengokuba isenziwa ezulwini. 3Sipe imihla ngemihla ukutya kwetu kwemihla ngemihla. 4Usixolele izono zetu; ngokuba nati sixolela bonke abonayo kuti. Ungasingenisi ekulingweni, zusisindise enkohlakalweni.
5Waza wati kubo: Nguwupina kuni oya kuba nomhlobo, waeya kuya kuye pakati kwobusuku, aze ati kuye: Mhlobo! ndiboleke izonka zibe zitatu; 6ngokokuba umhlobo wam efikile kum evela ekuhambeni, endingenanto yokubeka pambi kwake: 7aze lowo upakati apendule ati: Ungandikatazi; ucango seluvaliwe, nabantwana bam bako nam endaweni yokulala; andingevuke ndikunike? 8Nditi kuni: Nokuba akayi kuvuka amnike, ngenxa yokuba engumhlobo wake, woti noko, ngenxa yokujoka kwake, avuke amnike zonke azifunayo.
9Kanjalo nditi mna kuni: Celani, naniya kupiwa; funani, naniya kufumana; qongqotani, naniya kuvulelwa. 10Ngokuba bonke abacelayo besamkela, nofunayo uyafumana, noqongqotayo uya kuvulelwa. 11Nguwupina wakuni onguyise, oya kuti, ukuba unyana wake uya kucela kuye isonka, amnikele ilitye? nokuba uya kucela intlanzi, endaweni yentlanzi amnikele inyoka? 12umhlaumbi nokuba uyacela iqanda, amnikele unomadudwane? 13Ngako ukuba nina, nikohlakele nje, niyazi ukupa abantwana benu izipo ezilungileyo, kwoba kangakananina ngakumbi aya kuti uyihlo wasezulwini ape abo bacelayo kuye umoya oyingcwele?
14Kekaloku waeku̔pa idemoni, yaisidenge ke yona. Kwabekute, nxa idemoni ibipumile, sateta isidenge: zaza zati nqa izihlwele. 15Kodwa inxenye kubo bati: Uyaziku̔pa idemoni ngaye u‐Belezebule inkosi yedemoni. 16Nabanye, bemlinga, bebefuna umqondiso kuye uvela ezulwini. 17Kuloko yena wazazi inkumbulo zabo, wati kubo: Bonke ubukumkani obupambeneyo ngokwabo buyaci̔takaliswa; nendlu epambeneyo nendlu iyawa. 18Kanjalo no‐Satane ukuba upambene ngokwake, boti nina ubukumkani bake ukuma? ngokuba nisiti ndiyaziku̔pa idemoni ngo‐Belezebule. 19Kodwa ukuba ndiyaziku̔pa idemoni ngo‐Belezebule mna, bayaziku̔pa ngobanina onyana benu? ngako oko bona boba ngabagwebi benu. 20Kodwa ukuba ndiyaziku̔pa idemoni ngomnwe katixo, kukona sebunifikele ubukumkani bukatixo.
21Xeshekweni onamandla exo̔bile ayigcina indlu yake, impahla zake zisekupumleni: 22kodwa emvenikweni onamandla makulu kwawake amzumileyo wamoyisa, uyasusa konke ukuxo̔ba kwake abetembele kuko, awabe amaxoba ake. 23Ongengecala lam, uyalana nam; nongabutani nam, uyaci̔ta.
24Xeshekweni umoya onco̔lileyo apumile emntwini, uyacanda ezindaweni ezingenamanzi, efuna ukupumla; kanti engakufumani nje, uti: Ndiya kubuyela endlwini yam, apo ndapuma kona: 25ati akufika ayifumane itshayelwe, ihonjiwe. 26Andule ukuya atabate naye abanye omoya abasixe̔nxe, abakohlakeleyo ngakumbi kuye, abati bangene bahlale kona: kuze kuti okwokupela kwalomntu kube kubi kokwokuqala.
27Kwaye kute ekuziteteni kwake ezizinto, umfazi otile wasesihlweleni wapakamisa ilizwi wati kuye: Sinetamsanqa isizalo esakutwalayo, namabele owawanyayo. 28Kodwa yena wati: Hai gxebe, banetamsanqa abo balivayo ilizwi likatixo, balibambe.
29Kekalolu nxa izihlwele zibe zibutana ndawonye ngemikumdelikane, waqala ukuti: Esisizukulwana sesikohlakeleyo; siyafuna umqondiso, kanti asiyi kunikwa mqondiso, kupela umqondiso ka‐Jona umprofite. 30Ngokuba, njengokuba u‐Jona ebengumqondiso kuma‐Nineve, kwa njalo nonyana wesintu woba ngumqondiso kwesisizukulwana. 31Ukumkanikazi wasesuyide uya kuvuka eme emgwetyweni kunye nabantu besisizukulwana, abagwebe: ngokuba wavela ezipelweni zomhlaba ukuza kuva ubulumko buka‐Solomone; kanti nanku omkulu ku‐Solomone apa. 32Abantu base‐Nineve baya kusuka beme emgwetyweni kunye nesisizukulwana, basigwebe: ngokuba baguqukayo ngokushumayela kuka‐Jona; kanti nanku omkulu ku‐Jona apa.
33Akuko mntu oti, akubaneka isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo, napantsi kwento yokulinganisa, koko asibeka pezu kwekandelare, ukuze abangenayo babone ukukanya kwaso. 34Isibane somzimba sililiso: ngako xeshekweni iliso lako lingenanto, wonke umzimba wako uba nokukanya nawo; kodwa emvenikweni lenzakeleyo, nomzimba wako umnyama. 35Lumka ke kungabi ukukanya okupakati kwako kububumnyama. 36Ukuba ngoko wonke umzimba wako unokukanya, ungenanye indawo imnyama, uya kuba nokukanya wonke, njengokuya isibane sikukanyiselayo ngenkazimlo yaso.
37Kekaloku nxa atetileyo, umfarisi otile wamtandaza ukuba adlele kuye isidlo sasemini; wangena ke, wahlala pantsi. 38Wati umfarisi akubona wati nqa ukuba ebengatanga kuqala wahlamba engekatyi isidlo sasemini. 39Koko yati inkosi kuye: Kaloku nina bafarisi okupandle kwendebe nesikotile niya kuhlambulula; kodwa okupakati kwenu kuzele bubupanga nenkohlakalo. 40Zidenge! lowo wakwenzayo okupandle, akakwenza na nokupakati? 41Kodwa izinto zapakati zipeni amalizo ngazo; kukona, bona ke, zonke izinto zihlambulukile kuni. 42Koko kuya kuba nzima kuni bafarisi! ukuba ninika izishumi zetyeleba, nezeruwe, nezemifuno yonke, kanti niyagqita ubugwebo, notando lukatixo: bekufanele ezi ukuba zenzwe, neziya ukuba zingayekwa. 43Kwoba nzima kuni bafarisi! ukuba nitanda isihlalo sapambili ezindlwini zentlanganiso, nemibuliso ezindaweni zentengo. 44Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba ninjengamancw̔aba angabonakaliyo, bati abantu abahambayo pezu kwawo bangawazi.
45Kwaza kwapendula omnye wakubaqondisimteto wati kuye: Mfundisi! usitsho nje uyasituka nati. 46Koko wati: Kwoba nzima nakuni baqondisimteto! ukuba nitwesa abantu ngemitwalo esindayo, kanti nina ngokwenu anicu̔kumisi imitwalo leyo nangomnye weminwe yenu. 47Kwoba nzima kuni! ukuba nibuya nake amancw̔aba abaprofite, bati ke oyihlo benu bababulala. 48Kukona ninqi̔nela nivumela nokuvumela izenzo zoyihlo benu; ngokuba bona okunene bababulala, niti ke nina nibuye nake amancw̔aba abo. 49Ngako oko butshilo nobulumko bukatixo ukuti: Ndiya kubatumela abaprofite nabapostile, babeya kuti inxenye kubo bababulale, babatshutshise; 50ukuze libizwe kwesisizukulwana igazi labo bonke abaprofite elipalazwayo kutabata ekumisweni kwelizwe, 51kwa segazini lika‐Abele kude kube segazini lika‐Zekariya, owabubela pakati kwesibingelo nendawo eyingcwele: ewe nditi kuni, liya kubizwa kwesisizukulwana. 52Kwoba nzima kuni baqondisimteto; ukuba nisusile isilotile sokwazi; anangena nina, nabo babengena nabalela.
53Kekaloku nxa ebeteta ezizinto kubo, ababa̔li nabafarisi baqala ukuba nenzondo kakulu, nokumfundekela ngemibuzo ngento ezininzi, 54bemlalela, befuna ukubamba into ipuma emlonyeni wake, ukuze bamnike ityala.
Выбрано:
Ivangeli ka‐Luke 11: XHO1902A
Выделить
Поделиться
Копировать
Хотите, чтобы то, что вы выделили, сохранялось на всех ваших устройствах? Зарегистрируйтесь или авторизуйтесь
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.