Uxolo olulahlekileyoIsampulu

Missing Peace

Usuku 6 LWE 7

Uxolo kwisiphithiphithi 

Ngaba unako ukuba noxolo naxa uphakathi kwento ebuhlungu? Impendulo emfutshane ngu ewe, kodwa oko akulenzi lingabi buhlungu uhambo. Enyanisweni, unokufumana uxolo kunye neentlungu ngaxeshanye. 

Abafundi nabalandeli bakaYesu bokuqala babekwazi oku. Babengengobantu basemzini kwizaqhwithi. Yaye ngoxa babesoloko bethembekile, oko akuthethi ukuba abazange babe nokuphoxeka, ukubhideka, ukuthandabuza, okanye ukuxhalaba. Jonga nje into eyabhalwa nguPawulos ngamava akhe: 

Kuba asithandi ukuba ning ayazi, bazalwana, imbandezelo yethu eyasihlelayo kwelaseAsiya: ukuba saxineka, ngokuncamisileyo, ngaphezu kwamandla ethu, ngokokude sibuncame kanye nobomi. Sasuka ngokwethu saba nesigwebo sokufa ngaphakathi kwethu. Ukuze singabi ngabasazithembayo,sithembele kuThixo lo ubavusayo abafileyo. 2 KwabaseKorinte 1:8-9 XHO75

UPawulos wayengafuni ukukholisa amava abo. Wayengafuni ukuba abantu bacinge ukuba bafumana injongo ngaphandle kwentlungu. Kodwa kwakhona akazange afune ukunikel’ ingqalelo kakhulu ekubandezelekeni kwakhe kangangokuba baphosakele oko uThixo wayekwenza ebalini. 

Sithanda ukufuna injongo noxolo ngaphandle kwentlungu. Sihlala sicinga ukuba ukuba kukho into engahambi kakuhle, ayifanelekanga. Kodwa uYesu akazange asithembise ubomi obulula apha emhlabeni. Enyanisweni, uye waqinisekisa ukuba sisazi ukuba siza kuba neengxaki kweli hlabathi. Kodwa ukwasishiyele ithemba noxolo ukuba sele ezoyisile zonke. 

Kwaye nangona Eyoyisile yonke loo nto, Usasithuthuzela ngayo. Kwakwesi sicatshulwa kweyesi-2 kwabaseKorinte, uPawulos ubhala ngendlela abafumana ngayo intuthuzelo kaThixo engaphaya kwendalo ngenxa yesiphithiphithi seemeko zabo. Yaye uwunikela njengethuba lokuba sidlulisele intuthuzelo efanayo kwabanye. 

Siza kujongana nezaqhwithi kobu bomi. Kodwa ezo zaqhwithi zihlala zityhila imeko yokholo lwethu. Ngaba sisabela ngokubona intsingiselo yokubandezeleka kwethu? Okanye ngaba sigxila kwimibuzo engalunganga? 

KuMarko 4, sifunda ngesaqhwithi sokoqobo ababejamelene naso abafundi. Umoya namaza ayebhudla ngamandla, yaye babenexhala lokuba baza kurhaxwa. Waye ke uYesu elele emkhombeni. Ngoko, abafundi benza oko uninzi lwethu lwaluya kukwenza. Bathandabuza, bamvusa uYesu, babuza: 

… “Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje?” UMarko 4:38 XHO75

Ngaba ayinguwo na lombuzo siziva sifuna uwubuza ngexesha lezaqhwithe kobethu ubomi? Thixo, ngaba awukhali na? 

UYesu uphendula ngokuphelisa uqhwithela kodwa ecel’ umngeni intuthuzelo yabo. Wayenenkathalo ngokwaneleyo ukuba angapheleli nje ekusombululeni ingxaki yabo kodwa nokubuza nangemeko yokholo lwabo. 

Xa sisazi ukuba ungubani uYesu, sinokuqiniseka ukuba uzikhathalele izaqhwithi zethu, yaye unathi ebudeni bazo. Ngoko, ngaba sinokuba noxolo ngexesha lentlungu? Ewe. Kodwa kufuna ukholo—ukuthembela ekubeni intlungu yethu inenjongo yaye uThixo wethu akagungqi yile nkqubo. 

Usuku 5Usuku 7

Malunga nesi Sicwangciso

Missing Peace

Ngaba ngokwenene sinako ukuba noxolo xa ubomi bubuhlungu? Impendulo emfutshane: ewe, kodwa kungekhona ngamandla ethu. Ku nyaka osishiye siziva sixinezelekile, uninzi lwethu lushiyeke nemibuzo. Kwesi sicwangciso seBhayibhile seentsuku ezisi-7, esikhapha uthotho lwemiyalezo kaMfundisi uCraig Groeschel, siya kufumanisa ukuba singalufumana njani uXolo olulahlekileyo esilulangazelelayo sonke.

More

Sithanda ukubulela iLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: https://www.life.church/