Ingqumbo neNzondoIsampulu
Asinguye wonke umsindo osisono. Ewe, unelungelo lokucaphuka ngenxa yengqumbo kaThixo. Kubizwa ngokuba ngumsindo wobulungisa. Unelungelo lokuba ngolu hlobo de litshone ilanga. Kuya kufuneka ngokwenene ugocagoce intliziyo yakho ukuze ufumanise umthombo womsindo wakho. Nokuba uyawuvalela umsindo wakho okanye uvuthe ngumsindo, zombini ezo ndlela ziyingozi. Mhlawumbi sele ukwazi oku, kodwa umsindo ophosakeleyo awenzi nto ilungileyo kuwe okanye kubantu abakungqongileyo. Lixesha lokuba uvumele uThixo asuse umsindo wakho abeke uthando.
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Umsindo ngumba othi wonke umntu ajongane nawo ngaxa lithile. Esi sicwangciso seentsuku ezisixhenxe siya kukunika umbono webhayibhile, kunye nesicatshulwa esifutshane sokufunda yonke imihla. Funda esi sicatshulwa, uzinike ixesha lokuzijonga ngokunyanisekileyo, uze uvumele uThixo athethe ngemeko yakho.
More
We would like to thank LifeChurch.tv for providing this plan. For more information, please visit: www.lifechurch.tv