Indawana yeBhayibhile
Kwabase-Efese
Esi sicwangciso silula sikusa kwincwadi yabaseEfese kwaye siyakuba luncedo xa ufunda uwedwa okanye neqela.
eyo-1 neye-2 kaPetros
Esi sicwangciso silula sikusa kwincwadi yoku-1 neyesi-2 kaPetros kwaye siyakuba luncedo xa ufunda uwedwa okanye neqela.
Masifunde iBhayibhile Kunye (Isilimela)
Icandelo le-6 lothotho olunamacandelo ali-12, esi sicwangciso sikhokela uluntu kunye kwiBhayibhile iphela ngeentsuku ezingama-365. Mema abanye ukuba bangenelele rhoqo xa uqala icandelo elitsha nyanga nganye. Oluthotho lusebenza kakuhle ngeeBhayibhile ezirekhodiweyo—phulaphula ngaphantsi kwemizuzu engama-20 ngosuku! Icandelo ngalinye libandakanya izahluko zeTestamente eNdala kunye neTestamente eNtsha, neeNdumiso zithiwe saa kuso sonke isicwangciso. Icandelo le-6 lubandakanya iincwadi kwabaseEfese, kwabaseFilipi, kwabaseKolose, uYona, abaGwebi, uRute neyokuqala kaSamuweli.
Iindumiso neMizekeliso
Isicwangciso seeNdumiso kunye neMizekeliso senziwe ngabakwa YouVersion.com ukukunceda ukuba ufunde Iindumiso uzigqibe izihlandlo ezibini kunye neMizekeliso izihlandlo ezilishumi elinesibini. Esisicwangciso simiselwe ngendlela yokokuba sifundwe ebudeni bonyaka opheleleyo.
EkaYakobi
Esi sicwangciso silula sikusa kwincwadi kaYakobi kwaye siyakuba luncedo xa ufunda uwedwa okanye neqela.
Iincwadi zeTestamente eNtsha kunye neZenzo
Ukufunda iileta zikaPaul, zobufundisi kwakunye nezinye ngokubanzi akuzange kubelula kanje. Esi sicwangciso, siqulunqwe saza sanikezelwa ngabantu eYouVersion, siya kukunceda ufunde ngokulula zonke iileta kwiTestamente eNtsha. Kwaye saphosa intwanana yeZenzo ngomlinganiselo omhle.
Uhambo lweTestamente eNtsha lweentsuku ezingama-60
Esi sicwangciso sokufunda iBhayibhile siya kukukhokela kwiTestamente eNtsha ngeentsuku ezingama-60. Zininzi iincwadi eziya kukwazisa, kodwa iBhayibhile inamandla okukuguqula. Funda nje ukhetho lwemihla ngemihla kwaye uya kumangaliswa ngamandla, ukuqonda kunye notshintsho oluya kwenzeka ebomini bakho.
Zwi LikaThixo Thetha, Icandelo 3
Esi sesesithathu kwezine izicwangciso ezithatha iinyanga ezi-3, ekucendisa ekufundeni iTestamente Entsha iyonke emva koko ikuncedise ekufundeni zonke izehlo zeTestamente Endala ngokokulandelelana kwazo. Enyakeni nje omnye, Ufumana okungebali elikhulu nelide lesiBhalo ngemiyinge nje efundekayo yemihla ngemihla. INdumiso 1 ithembisa ukuba abo baphulaphula uThixo ethetha ngeLizwi lakhe baya kukhula bomelele baze baqhame njengomthi ophilileyo ngamaxesha onke obomi.
Iindumiso
Ukufunda incwadi yeeNdumiso kukulungele ukuba ngundiphakamise. Xa uhamba kwixesha elinzima, incwadi yeeNdumiso inokusebenza njengentuthuzelo nokhuthazo.