URUTE 3:1-5
URUTE 3:1-5 IBHAYIBHILE (XHO96)
UNawomi wathi kumolokazana wakhe: “Kufuneka ndikufunele owakho umzi, mntwan' am, apho uya konwaba khona. Laa mfo uBhowazi, lowa ubuthe nca kubasebenzi bakhe ukhwahlaza, sisizalwane esisondeleyo kuthi, esijonge kuye njengomkhululi. Ngokuhlwanje uza kubhula ele irhasi esandeni sakhe. Wena ke uze uhlambe, uziqhole, wambathe kakuhle, wandule ke ukuya esandeni sakhe. Kodwa ke uze ungazivezi kuye de agqibe isidlo sakhe. Xa eya kulala uze uqaphele apho aya kulala khona, uye kutyhila ingubo, ungqengqe ngasezinyaweni zakhe. Yena ke wokuxelela ukuba makuthiweni na.” URute wathi ku ninazala: “Ndokwenza konke ondixeleleyo.”
URUTE 3:1-5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi uNahomi uninazala kuye, Ntombi yam, ndingàkufuneli na ukuphumla okokulungela? Kaloku àkasihlobo sethu na uBhohazi, lowo umthinjana ubunawo? Nanko esela irhasi ngobu busuku esandéni. Zihlambe, uthambise, unxibe iingubo zakho, uhle uye esandéni. Uze ungazazisi endodeni leyo, ide igqibe ukudla nokusela. Wóthi, ukulala kwayo phantsi, uqonde indawo eye kulala kuyo, uye uyityhile ingubo ngasezinyaweni zayo, ulale phantsi; yókuxelela ke yona into owoyenza. Wathi kuye, Yonke into oyithethayo ndoyenza.
URUTE 3:1-5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uNahomi uninazala kuye, Ntombi yam, ndingakufuneli na ukuphumla, uphumle? Ke kaloku uBhohazi akangowesizwe sakowethu; ubeneentombi zini na? Yabona, ngobu busuku uzuza irhasi esandeni. Zihlambe, uthambise, yambatha iingubo zakho, uhle; kodwa uze ungazazisi endodeni leyo, ide igqibe ukudla nokusela. Xa ithe yalala, yinyamekele indawo eya kulala kuyo, ungene, ugubungele iinyawo zayo, ulale; wokuxelela ke yena into omawuyenze. Wathi kuye, Yonke into ondixelela yona ndoyenza.
URUTE 3:1-5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
WANDULA u‐Nahomi unondoda wake wati kuye: Ntombi yam! andiyi kufunela wena ukupumla na, ukuba kulunge kuwe? Kekaloku u‐Bohazi, ozicakazana zake ubunazo, akanguye umlamane wetu na? Bona ke, uya kwela iṙalasi esibayeni sokubula obubusuku. Uti ngoko uzihlambe, uzitambise, ufake izivato zako kuwe, uhlele esibayeni eso; kodwa ungazazisi kuyo indoda leyo, ingekagqibanga ukutya nokusela. Kwakuya kuti, nxa ilala pantsi, uze ugqale indawo apo iya kulala kona; uze ungene, uzihlube inyawo zayo, ulale pantsi; yaiya kukutyela into uya kuyenza. Wayesiti kuye: Konke okutetileyo ndiya kukwenza.