WANDULA u‐Nahomi unondoda wake wati kuye: Ntombi yam! andiyi kufunela wena ukupumla na, ukuba kulunge kuwe? Kekaloku u‐Bohazi, ozicakazana zake ubunazo, akanguye umlamane wetu na? Bona ke, uya kwela iṙalasi esibayeni sokubula obubusuku. Uti ngoko uzihlambe, uzitambise, ufake izivato zako kuwe, uhlele esibayeni eso; kodwa ungazazisi kuyo indoda leyo, ingekagqibanga ukutya nokusela. Kwakuya kuti, nxa ilala pantsi, uze ugqale indawo apo iya kulala kona; uze ungene, uzihlube inyawo zayo, ulale pantsi; yaiya kukutyela into uya kuyenza. Wayesiti kuye: Konke okutetileyo ndiya kukwenza.
Funda U‐Rute 3
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: U‐Rute 3:1-5
4 Iintsuku
Esi sicwangciso sezifundo seentsuku ezi4 yincwadi yenkcazo yencwadi kaRute, esibonisa ukuthembeka kukaThixo, ulwazelelo, ukuhlangulwa novelwano. Ukuba uziva ngathi akungeni ndawo, okanye ngathi ungaphandle ujonge ngaphakathi, ibali likaRute liza kukukhuthaza kwaye likuphembelele, likukhumbuze ukuba uYesu, oyena Mhlanguli wethu, isisa sakhe usiphokozela kwabo bazithobileyo.
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo