U‐Rute 3:1-5

U‐Rute 3:1-5 XHO1902A

WANDULA u‐Nahomi unondoda wake wati kuye: Ntombi yam! andiyi kufunela wena ukupumla na, ukuba kulunge kuwe? Kekaloku u‐Bohazi, ozicakazana zake ubunazo, akanguye umlamane wetu na? Bona ke, uya kwela iṙalasi esibayeni sokubula obubusuku. Uti ngoko uzihlambe, uzitambise, ufake izivato zako kuwe, uhlele esibayeni eso; kodwa ungazazisi kuyo indoda leyo, ingekagqibanga ukutya nokusela. Kwakuya kuti, nxa ilala pantsi, uze ugqale indawo apo iya kulala kona; uze ungene, uzihlube inyawo zayo, ulale pantsi; yaiya kukutyela into uya kuyenza. Wayesiti kuye: Konke okutetileyo ndiya kukwenza.