KWABASEROMA 7:1-3
KWABASEROMA 7:1-3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Anazi na, bazalwana (kuba ndithetha kwabawaziyo umthetho), ukuba umthetho umphatha ngobukhosi umntu ngexesha lonke adla ubomi ngalo? Kuba umfazi owendileyo, ubotshiwe ngumthetho kwindoda yakhe, lo gama idla ubomi; ukuba ke ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho ombophe endodeni. Ngoko ke, ukuba úthe waba kuyimbi indoda, yakubon' ukuba indoda yakhe isadla ubomi, kothiwa ngumkrexezikazi. Ke ukuba ithe yafa indoda yakhe, woba ukhululekile kuwo umthetho, ukuba angabi mkrexezikazi, ethe waba kuyimbi indoda.
KWABASEROMA 7:1-3 IBHAYIBHILE (XHO96)
Mawethu, ndithetha nabantu abawaziyo umthetho welakowethu; niyazi ukuba umntu uphantsi kwegunya lomthetho kuphela ngeli xesha adla ubomi ngalo. Kaloku umfazi owendileyo ubotshelelwe ngumthetho endodeni yakhe, eli lixa idla ubomi; kodwa ukuba ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho ombophelela endodeni yakhe. Ngoko ke, ukuba umfazi uthe waba ngowenye indoda isaphila indoda yakhe, kothiwa ungumkrexezi. Kodwa ke ukuba ithe yafa indoda yakhe, woba ukhululekile emthethweni, aze angabi ngumkrexezi ukuba uthe waba ngowenye indoda.
KWABASEROMA 7:1-3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Anazi na, bazalwana (kuba ndithetha kwabawaziyo umthetho), ukuba umthetho umphatha ngobukhosi umntu ngexesha lonke adla ubomi ngalo? Kuba umfazi owendileyo, ubotshiwe ngumthetho endodeni yakhe, lo gama idla ubomi; ke ukuba ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho wendoda. Ngoko ke, ukuba uthe waba kuyimbi indoda, yakubon’ ukuba indoda yakhe isadla ubomi, kothiwa ngumkrexezikazi, ukuba angabi mkrexezikazi, ethe waba kuyimbi indoda.
KWABASEROMA 7:1-3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
ANAZI na, bazalwana! (ngokuba nditeta kwabawaziyo umteto,) okokuba umteto unobukosi pezu kwomntu lonke ixesha asahlala ngalo? Ngokuba umfazi opantsi kwendoda ebotshiwe ngumteto kwindoda yake nxa isahleliyo; kodwa xeshekweni indoda ifileyo, ukululwe kuwo umteto wendoda. Ngako ke, ukuba uba ngowenye indoda, nxa isahleli indoda yake, uya kubizwa ngokuba liṙexezakazi: kodwa xeshekweni indoda yake ifileyo, ukululekile kuwo umteto lowo; ukuze angabi lilo iṙexezakazi, nakuba aba ngowenye indoda.