KWABASEROMA 4:18-21
KWABASEROMA 4:18-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
UAbraham wakholwa, wathemba, naxa ithemba lalingekho. Wakholwa okokuba woba “nguyise wezizwe ezininzi,” njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Iya kuba ngako ke inzala yakho ukuba ninzi kwayo.” Wayemayela nekhulu leminyaka ezelwe, kodwa akatyhafanga elukholweni akucinga ngokwaluphala kwakhe nangobudlolo bukaSara. Hayi, akasithandabuzanga isithembiso sikaThixo ngokungakholwa; waya esomelela elukholweni, embonga uThixo, eqinisekile ukuba uThixo unako ukukwenza oko akuthembisileyo.
KWABASEROMA 4:18-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Owakholwayo ngethemba, kungekho nethemba eli, ukuze abe nguyise weentlanga ezininzi, ngokoko kwathethwayo: Iya kuba njalo imbewu yakho. Wathi, engebuthathaka nje ngokholo, akondela emzimbeni wakhe, obuselufile (emayela ekhulwini leminyaka ezelwe), kwanokufa kwesizalo sikaSara; owathi, ngokusingisele kwidinga likaThixo, akathandabuza ngokungakholwa; wesuka womelela ngokholo, ezukisa uThixo, eqinisekile ukuba oko akumise ngedinga, unako nokukwenza.
KWABASEROMA 4:18-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Owakholwayo ngethemba, kungekho nethemba eli, ukuze abe nguyise weentlanga ezininzi, njengoko kwakutshiwoyo ukuthi, Iya kuba njalo imbewu yakho. Akazange abe buthathaka elukholweni, akawukhathalelanga umzimba wakhe owawusele ufile, xa wayeneminyaka emalunga nekhulu ubudala, kwanakukufa kwesizalo sikaSara. Akazange athandabuze idinga likaThixo ngokungakholwa; womelela elukholweni, ezukisa uThixo; Eqinisekile ukuba oko akuthembisileyo, unako nokukwenza.
KWABASEROMA 4:18-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
owati lakugqita itemba wakolwa ngetemba, ukuba abe nguyise wentlanga ezininzi, njengoko kube kutshiwo: Yoba njalo inzalo yako. Kanjako engebutataka ekukolweni, akakumbulela owake umzimba obusel’ ufile, epants’ ukuba yiminyaka elikulu ubudala bake, kwa nokufa kwesizalo sika‐Sara: nedinga LIKATIXO akalitandabuzela ngokungakolwa; koko womelezekayo ekukolweni, enika UTIXO udumo, ekolisile ukukolwa kanjalo ukuba oko akubekele ngedinga unamandla nokukwenza.