KWABASEROMA 1:26-28
KWABASEROMA 1:26-28 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngenxa yoko, uThixo wabanikela ekuthabathekeni okulihlazo; kuba namankazana abo umsebenzi wasemvelweni awananisela okunxamnye nemvelo; kwaza kwangokunjalo ke namadoda, ewushiya umsebenzi wenkazana wasemvelweni, avutha ngokukhanukana kwawo, amadoda esenza kumadoda okuziintloni, ezamkelela umbuyekezo wokulahleka kwawo, abemelwe ke nguwo. Njengokuba ke bekúmangele ukuhlala bemazi kakuhle uThixo, uThixo wabanikela engqiqweni engacikidekileyo, ukuba benze izinto ezingafanelekileyo
KWABASEROMA 1:26-28 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngenxa yoko ke, uThixo ubanikele ezinkanukweni ezilihlazo. Ewe, nditsho namabhinqa la abo ayalalana ngokuchasene nendalo yemizimba yawo. Kwangokunjalo namadoda akuyekile ukulala namabhinqa, aza atshiswa kukukhanukana. Amadoda enza amanyala kwamanye amadoda, aze ke afumane isohlwayo esiwafaneleyo, esiyimbuyekezo yokulahleka kwawo. Ekubeni ke bengakukhathalelanga ukuhlala bemazi uThixo, yena wabayekela kwezo ngcinga zabo zingcolileyo, baza benza izinto ezingafanelekanga.
KWABASEROMA 1:26-28 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngenxa yoko, uThixo wabanikela ekuthabathekeni okulihlazo; kuba namankazana abo umsebenzi wasemvelweni awananisela okunxamnye nemvelo; Kwaza kwangokunjalo ke namadoda, ewushiya umsebenzi wenkazana wasemvelweni, avutha ngokukhanukana kwawo; amadoda esenza okuziintloni kumadoda, ezamkelela umbuyekezo wokulahleka kwawo, abemelwe ke nguwo. Njengokuba ke bekumangele ukuhlala bemazi kakuhle uThixo, uThixo wabanikela engqiqweni engacikidekileyo, ukuba benze izinto ezingafanelekileyo
KWABASEROMA 1:26-28 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngenxa yoku UTIXO wabayekelela emilweni ehlazekileyo: ngokuba kwa amankazana abo aguqula okwemvelo ukwenza kube kokungalungelene nemvelo: kwa ngokunjalo namadoda, eyeka okwemvelo ukwenza kwinkazana, atsha ekunqweneleni kwawo enye ngakuyo enye, amadoda esenza namadoda okulihlazo, esamkela kwa kuwo ngokwawo impindezelo ebifanele ulahleko lwawo. Kanjako njengokuba bebengatandi ukubamba UTIXO ekwazini kwabo, UTIXO wabayekelela eluveni olwaliwayo, ukwenza izinto ezingafanelekileyo