KWABASEROMA 1:21-32

KWABASEROMA 1:21-32 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ngokokuba bathe, bemazi uThixo, àbamzukisa ngokoThixo, àbabulela kuye; basuka bazizinto ezingento ezicamangweni zabo, yaza intliziyo yabo engenakuqonda yenziwa yamnyama; bathi besiba bazizilumko, besuka baba ziziyatha; baza ubuqaqawuli bukaThixo ongenakonakala babananisela intsobi yomfanekiselo womntu onokonakala, noweentaka, nowezinto ezizitho ziné, nowezinambuzane. Kungoko athe, besezinkanukweni zeentliziyo zabo, uThixo wabanikela nokubanikela ekungcoleni, ukuba bahlazisane ngemizimba yabo; bona bananiséle ubuxoki inyaniso kaThixo, basihlonela basikhonza isidalwa, begqitha kuMdali, ongowokubongwa kuse kuwo amaphakade. Amen. Ngenxa yoko, uThixo wabanikela ekuthabathekeni okulihlazo; kuba namankazana abo umsebenzi wasemvelweni awananisela okunxamnye nemvelo; kwaza kwangokunjalo ke namadoda, ewushiya umsebenzi wenkazana wasemvelweni, avutha ngokukhanukana kwawo, amadoda esenza kumadoda okuziintloni, ezamkelela umbuyekezo wokulahleka kwawo, abemelwe ke nguwo. Njengokuba ke bekúmangele ukuhlala bemazi kakuhle uThixo, uThixo wabanikela engqiqweni engacikidekileyo, ukuba benze izinto ezingafanelekileyo; bezele yiyo yonke intswelabulungisa, okungendawo, ukubawa, ulunya; bezele ngumona, kukubulala, ziinkani, yinkohliso, bubumenemene; ábasebezi, ábahlebi, abathiyekileyo kuThixo, abasileyo, abanekratshi, abaqhankqalazi, abacebi bezinto ezimbi, abangàbevayo abazali, abangenakuqonda, abaphuli beminqophiso, abangenabubele, abangenatarhu, abangenanceba; bona bathi, besazi kakuhle isimiselo sikaThixo, sokuba abo bazenzayo izinto ezinjalo bafanelwe kukufa, banganeli kukuzenza, basuka bathakazelele nabò bazenzayo.

KWABASEROMA 1:21-32 IBHAYIBHILE (XHO96)

Bayamazi uThixo, kodwa abamdumisi ngokumfaneleyo, abambuleli nokumbulela. Basuke baba ngabacinga izinto ezingento, yaza ingqiqo yabo yamfiliba. Bazicingela ukuba bazizilumko, ukanti baziziyatha. Bashiye ubuqaqawuli bukaThixo ongafiyo, baya kukhonza umfanekiso womntu ofayo, noweentaka, nowezilo ezizitho zine, nowezilo ezirhubuluzayo. Kungoko athe uThixo, ngenxa yeminqweno yeentliziyo zabo, wabanikela kwiintlondi zabo, ukuba bahlazisane ngemizimba yabo. Aba bantu ke bagqwethe inyaniso kaThixo ngobuxoki. Bahlonela isidalwa, basikhonze, baze bamlibale uMdali, yena ongowokubongwa ngonaphakade. *Amen. Ngenxa yoko ke, uThixo ubanikele ezinkanukweni ezilihlazo. Ewe, nditsho namabhinqa la abo ayalalana ngokuchasene nendalo yemizimba yawo. Kwangokunjalo namadoda akuyekile ukulala namabhinqa, aza atshiswa kukukhanukana. Amadoda enza amanyala kwamanye amadoda, aze ke afumane isohlwayo esiwafaneleyo, esiyimbuyekezo yokulahleka kwawo. Ekubeni ke bengakukhathalelanga ukuhlala bemazi uThixo, yena wabayekela kwezo ngcinga zabo zingcolileyo, baza benza izinto ezingafanelekanga. Bagqithisile ukukhohlakala nokona, ukubawa nokwenza ububi. Bazele ngumona nobugebenga, luchuku nenkohliso nentiyo. Bayahleba, bayangcikivana, bamthiyile uThixo, bathanda ukulwa, banekratshi, bayaqhayisa, benza ububi, ababathobeli abazali. Abanangqondo, abathembeki, abanabubele, abananceba. Bayawazi ummiselo kaThixo wokuba abo bazenzayo izinto ezinjalo bafanelwe kukufa; kodwa abaneli nje kukuzenza ezi zinto, koko basuka babakhuthaze nabo bazenzayo.

KWABASEROMA 1:21-32 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ngenxa enokuba bathe, bemazi uThixo, abamzukisa ngokoThixo, ababulela kuye; basuka bazizinto ezingento ezicamangweni zabo, yaza intliziyo yabo engenakuqonda yenziwa yamnyama; bathi besiba bazizilumko, besuka baba ziziyatha; baza ubuqaqawuli bukaThixo ongenakonakala babananisela intsobi yomfanekiselo womntu onokonakala, noweentaka, nowezinto ezizitho zine, nowezinambuzane. Kungoko athe, besezinkanukweni zeentliziyo zabo, uThixo wabanikela nokubanikela ekungcoleni, ukuba bahlazisane ngemizimba yabo; bona bananisele ubuxoki inyaniso kaThixo, basihlonela basikhonza isidalwa, begqitha kuMdali, ongowokubongwa kuse kuwo amaphakade. Amen. Ngenxa yoko, uThixo wabanikela ekuthabathekeni okulihlazo; kuba namankazana abo umsebenzi wasemvelweni awananisela okunxamnye nemvelo; Kwaza kwangokunjalo ke namadoda, ewushiya umsebenzi wenkazana wasemvelweni, avutha ngokukhanukana kwawo; amadoda esenza okuziintloni kumadoda, ezamkelela umbuyekezo wokulahleka kwawo, abemelwe ke nguwo. Njengokuba ke bekumangele ukuhlala bemazi kakuhle uThixo, uThixo wabanikela engqiqweni engacikidekileyo, ukuba benze izinto ezingafanelekileyo; bezele yiyo yonke intswela-bulungisa, okungendawo, ukubawa, ulunya; kuzele ngumona, ukubulala, iimpikiswano, inkohliso, ubutshijolo; abahlebezi, abahlebi, abathiyekileyo kuThixo, abasileyo, abanekratshi, abaqhankqalazi, abacebi bezinto ezimbi, abangeva bazali; bangenakuqonda, bagqithise iminqophiso, bangenamhawu, abangenatarhu, abangenanceba; bona bathi, besazi kakuhle isimiselo sikaThixo, sokuba abo bazenzayo izinto ezinjalo bafanelwe kukufa, banganeli kukuzenza, basuka bathakazelele nabo bazenzayo.

KWABASEROMA 1:21-32 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

ngokokuba, nangona bamaziyo UTIXO, abamdumisa njengokuba e NGUTIXO, ababulela kanjako; koko bamata ezicamangweni zabo, yati intliziyo yabo engenakuqonda yenziwa mnyama. Besitsho ukuti bangabalumkileyo baba zizidenge, bati ubungcwalisa bake UTIXO ongonakaliyo babuguqulela umfanekiso ofana nomntu owonakalayo, nentaka, nezilo ezinyawo zine, nezinto ezinambuzelayo. Ngako oko kanjalo UTIXO wabayekelela kuzo inkanuko zentliziyo zabo ekunco̔leni, ukuba bahlazekise imizimba yabo pakati kwabo; ekubeni inyaniso KATIXO bayiguqulela ubuxoki, nezidalwa bazibedesha bazikonza ngapezu kwomdali, odumisekayo kude kube ngunapakade: Amene. Ngenxa yoku UTIXO wabayekelela emilweni ehlazekileyo: ngokuba kwa amankazana abo aguqula okwemvelo ukwenza kube kokungalungelene nemvelo: kwa ngokunjalo namadoda, eyeka okwemvelo ukwenza kwinkazana, atsha ekunqweneleni kwawo enye ngakuyo enye, amadoda esenza namadoda okulihlazo, esamkela kwa kuwo ngokwawo impindezelo ebifanele ulahleko lwawo. Kanjako njengokuba bebengatandi ukubamba UTIXO ekwazini kwabo, UTIXO wabayekelela eluveni olwaliwayo, ukwenza izinto ezingafanelekileyo; bezalisiwe kuko konke okungalungileyo, ngumbulo, bubumenemene, bububawa, lulunya; bezele ngumona, lubulalo, lipike, yinkohliso, lulwavela; bengabagquguli, abahlebi, abatiyi BAKATIXO, ababandezeli, abaner̔atshi, abazidlayo, abafumanisi bezinto ezikohlakeleyo, abangevayo abazali, abangenakuqonda, abapuli bocebano, abangenalutando lwokuvela, abangaxoliseki, abangenazibele: abati, nangona bawaziyo ummiso KATIXO, wokuba abo bazenza izinto ezinjalo bafanele ukufa, bangazenzi kwa zona kodwa, koko kanjalo batakazela abazenzayo.