KWABASEROMA 1:21-32

KWABASEROMA 1:21-32 XHO96

Bayamazi uThixo, kodwa abamdumisi ngokumfaneleyo, abambuleli nokumbulela. Basuke baba ngabacinga izinto ezingento, yaza ingqiqo yabo yamfiliba. Bazicingela ukuba bazizilumko, ukanti baziziyatha. Bashiye ubuqaqawuli bukaThixo ongafiyo, baya kukhonza umfanekiso womntu ofayo, noweentaka, nowezilo ezizitho zine, nowezilo ezirhubuluzayo. Kungoko athe uThixo, ngenxa yeminqweno yeentliziyo zabo, wabanikela kwiintlondi zabo, ukuba bahlazisane ngemizimba yabo. Aba bantu ke bagqwethe inyaniso kaThixo ngobuxoki. Bahlonela isidalwa, basikhonze, baze bamlibale uMdali, yena ongowokubongwa ngonaphakade. *Amen. Ngenxa yoko ke, uThixo ubanikele ezinkanukweni ezilihlazo. Ewe, nditsho namabhinqa la abo ayalalana ngokuchasene nendalo yemizimba yawo. Kwangokunjalo namadoda akuyekile ukulala namabhinqa, aza atshiswa kukukhanukana. Amadoda enza amanyala kwamanye amadoda, aze ke afumane isohlwayo esiwafaneleyo, esiyimbuyekezo yokulahleka kwawo. Ekubeni ke bengakukhathalelanga ukuhlala bemazi uThixo, yena wabayekela kwezo ngcinga zabo zingcolileyo, baza benza izinto ezingafanelekanga. Bagqithisile ukukhohlakala nokona, ukubawa nokwenza ububi. Bazele ngumona nobugebenga, luchuku nenkohliso nentiyo. Bayahleba, bayangcikivana, bamthiyile uThixo, bathanda ukulwa, banekratshi, bayaqhayisa, benza ububi, ababathobeli abazali. Abanangqondo, abathembeki, abanabubele, abananceba. Bayawazi ummiselo kaThixo wokuba abo bazenzayo izinto ezinjalo bafanelwe kukufa; kodwa abaneli nje kukuzenza ezi zinto, koko basuka babakhuthaze nabo bazenzayo.