ISITYHILELO 22:18-19
ISITYHILELO 22:18-19 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndiyamlumkisa wonke umntu owevayo amazwi ale ncwadi: Ukuba ukhe wawongeza, uThixo uya kumhlisela zonke izibetho ezichaziweyo kule ncwadi. Kanti ke ukuba ukhe wawaphungula, uThixo uya kumvimba inxaxheba kuwo umthi wobomi, angabi nalungelo nakuso isiXeko esiNgcwele – zinto ezo zichaziweyo kule ncwadi.
ISITYHILELO 22:18-19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuba ndiyangqina kubantu bonke abawevayo amazwi esiprofeto sale ncwadi, ukuba, Xa athe umntu wongeza kwezo zinto, uThixo uya kongeza kuye izibetho ezibhaliweyo kule ncwadi; ukuba ke uthe umntu wasusa kuwo amazwi encwadi yesi siprofeto, uThixo uya kusisusa isabelo sakhe encwadini yobomi, nakuwo umzi ongcwele, nakuzo izinto ezibhaliweyo kule ncwadi.
ISITYHILELO 22:18-19 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba ndiyangqina kubo bonke abawevayo amazwi esiprofeto sale ncwadi, ukuba, Ukuba uthe umntu wongeza kwezo zinto, uThixo uya kongeza kuye izibetho ezibhaliweyo kule ncwadi; Ukuba ke uthe umntu wasusa kuwo amazwi encwadi yesi siprofeto, uThixo uya kusisusa isabelo sakhe encwadini yobomi, nakuwo umzi ongcwele, nakuzo izinto ezibhaliweyo kule ncwadi.
ISITYHILELO 22:18-19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba ndinqi̔na mna kubo bonke abevayo amazwi aso isiprofitesho salencwadi: Ukuba umntu uti ongeze kuzo ezizinto, UTIXO uya kwongeza kuye izibeto eziba̔liweyo kulencwadi; nokuba umntu uti asuse kuwo amazwi ayo incwadi yesiprofitesho esi, UTIXO uya kususa isabiwo sake kuwo umti wobomi, nakuso isixeko esiyingcwele, nakwezozinto ziba̔liweyo kulencwadi.