ISITYHILELO 22:12-14
ISITYHILELO 22:12-14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Yabona, ndiyeza kamsinya; umvuzo wam unam, ukuba ndivuze elowo njengoko umsebenzi wakhe uya kuba njalo. Mna ndinguAlfa• no-Omega,• isiqalo nesiphelo, owokuqala nowokugqibela. Banoyolo abo bayenzayo imithetho yakhe, ukuze igunya labo libe semthini wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi.
ISITYHILELO 22:12-14 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe! Kaloku ndingu-A, ndikwangu-Z; ndingowokuqala, ndikwangowokugqibela, ndikwasisiqalo nesiphelo.” Banoyolo abo bazabalazela ukuba bahlale benyulu! Baya kuba nelungelo kuwo umthi wobomi; baya kungena ngamasango esixekweni.
ISITYHILELO 22:12-14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yabona, ndiyeza kamsinya; umvuzo wam unam, wokuba ndivuze elowo njengoko umsebenzi wakhe uya kuba njalo. Mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, owokuqala nowokugqibela. Banoyolo abo bayenzayo imithetho yakhe, ukuze babe negunya kuwo umthi wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi.
ISITYHILELO 22:12-14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Bona ke, ndiyeza msinya; nomvuzo wam unam, ukuba ndivuze bonke ngabanye njengokuba umsebenzi wabo uya kuba njalo. Mna ndingu‐Alefa no‐Omega, isiqalo nesipelo, owokuqala nowokugqibela. Banetamsanqa abayenzayo imiyalelo yake, ukuze babe negunya pezu kwawo umti wobomi, baze bati ngamasango aso bangene esixekweni.