ISITYHILELO 22:1-21
ISITYHILELO 22:1-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
za sandibonisa umlambo wamanzi obomi, uqaqambile, ngathi ngumkhenkce, uphuma etroneni kaThixo neyeMvana. Phakathi kwesitrato sawo namacala omabini omlambo, kukho umthi wobomi, ovelisa iintlobo zeziqhamo ezilishumi elinambini, unika iinyanga ngeenyanga zonke isiqhamo sawo; abe amagqabi omthi lowo engawokuphilisa imimoya, izizwe. Akusayi kuba sabakho nasinye isiqalekiso; kodwa itrone kaThixo neyeMvana iya kubakho kuwo; abakhonzi bakhe bamkhonze; Aya kububona ubuso bakhe; negama lakhe liya kuba semabunzini abo. Akuyi kubakho busuku khona; abafuni sibane, nakukhanya kwelanga; ngokuba iNkosi uThixo iya kuzikhanyisela, zilawule ngonaphakade kanaphakade. Sathi kum, La mazwi athembekile, ayinyaniso; iNkosi, uThixo wabaprofeti abangcwele, yathuma isithunywa sayo sasemazulwini ukubabonisa abakhonzi bayo izinto ezimele ukubakho kamsinya. Yabona, ndiyeza kamsinya; unoyolo lowo uwagcinayo amazwi esiprofeto sayo le ncwadi. Mna, Yohane, ndingulowo ubezibona ezi zinto, eziva; Ndathi ndakuva, ndakubona, ndawa ndaqubuda phambi kweenyawo zesithunywa sezulu esandibonisa ezi zinto. Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; ngokuba ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abaprofeti, nabo bawagcinayo amazwi ale ncwadi; qubuda kuThixo. Sathi kum, Musa ukuwatywina amazwi esiprofeto sale ncwadi; kuba ixesha likufuphi. Lowo ungongendawo makahlale engongendawo; nalowo uyinyhukunyhuku, makaselehlala eyinyhukunyhuku; lowo ulilungisa makahlale elilungisa; nongcwele makahlale ngcwele. Yabona, ndiyeza kamsinya; umvuzo wam unam, wokuba ndivuze elowo njengoko umsebenzi wakhe uya kuba njalo. Mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, owokuqala nowokugqibela. Banoyolo abo bayenzayo imithetho yakhe, ukuze babe negunya kuwo umthi wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi. Ngaphandle ke zizinja, nabakhafuli, nabenzi bombulo, nababulali, nabakhonzi bezithixo, nabo bonke ababuthandayo, ababenzayo ubuxoki. Mna, Yesu, ndasithuma isithunywa sam sasemazulwini, ukuba ndizingqine kuni ezi zinto ngawo amabandla. Mna ndiyingcambu nenzala kaDavide, ikhwezi eliqaqambileyo lokusa. uMoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo makathi, Yiza. Lowo unxaniweyo makeze; nosukuba ethanda, makawathabathe amanzi obomi ngesisa. Kuba ndiyangqina kubo bonke abawevayo amazwi esiprofeto sale ncwadi, ukuba, Ukuba uthe umntu wongeza kwezo zinto, uThixo uya kongeza kuye izibetho ezibhaliweyo kule ncwadi; Ukuba ke uthe umntu wasusa kuwo amazwi encwadi yesi siprofeto, uThixo uya kusisusa isabelo sakhe encwadini yobomi, nakuwo umzi ongcwele, nakuzo izinto ezibhaliweyo kule ncwadi. Uthi lowo uzingqinayo ezi zinto, Ewe, ndiyeza kamsinya. Amen. Ewe, yiza, Nkosi Yesu. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.
ISITYHILELO 22:1-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Saza sandibonisa umlambo wamanzi obomi, uqaqambile, ngathi ngumkhenkce, uphuma etroneni kaThixo neyeMvana. Phakathi kwesitrato sawo, ngapha nangapha komlambo, ngumthi wobomi, ovelisa iintlobo zeziqhamo ezilishumi elinambini, unika iinyanga ngeenyanga zonke isiqhamo sawo; aye amagqabi omthi lowo engawokuphilisa iintlanga. Akusayi kuba sabakho nasinye isiqalekiso; yaye itrone kaThixo neyeMvana iya kubakho kuwo; abakhonzi bakhe bamkhonze, babubone ubuso bakhe, negama lakhe libe semabunzini abo. Akuyi kubakho busuku khona; àbafuni sibane, nakukhanya kwelanga, ngokuba iNkosi uThixo ibakhanyisela; baya kuba ngookumkani, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Saza sathi kum, La mazwi athembekile, ayinyaniso; iNkosi, uThixo wabaprofeti abangcwele, yathuma isithunywa sayo sasemazulwini ukubabonisa abakhonzi bayo izinto ezimele ukubakho kamsinya. Yabona, ndiyeza kamsinya; únoyolo lowo uwagcinayo amazwi esiprofeto sayo le ncwadi. Mna, Yohane, ndingulowo ubezibona ezi zinto, eziva; ndathi ndakuva, ndakubona, ndawa ndaqubuda phambi kweenyawo zesithunywa sezulu esandibonisa ezi zinto. Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; kuba ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abaprofeti, nabo bawagcinayo amazwi ale ncwadi; qubuda kuThixo. Sithi kum, Musa ukuwatywina amazwi esiprofeto sale ncwadi; ngokuba ixesha likufuphi. Lowo ungalungisiyo, makaselehlala engalungisi; lowo uyinyhukunyhuku, makaselehlala eyinyhukunyhuku; nolilungisa makaselehlala elungisa; nongcwele makaselehlala ezingcwalisile. Yabona, ndiyeza kamsinya; umvuzo wam unam, ukuba ndivuze elowo njengoko umsebenzi wakhe uya kuba njalo. Mna ndinguAlfa• no-Omega,• isiqalo nesiphelo, owokuqala nowokugqibela. Banoyolo abo bayenzayo imithetho yakhe, ukuze igunya labo libe semthini wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi. Ngaphandle ke zizinja, nabakhafuli, nabenzi bombulo, nababulali, nabakhonzi bezithixo, nabo bonke ababuthandayo, ababenzayo ubuxoki. Mna, Yesu, ndasithuma isithunywa sam sasemazulwini, ukuba ndizingqine kuni ezi zinto ngawo amabandla. Mna ndiyingcambu nenzala kaDavide, ikhwezi eliqaqambileyo lokusa. UMoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo makathi, Yiza. Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo, makawathabathe amanzi obomi ngesisa. Kuba ndiyangqina kubantu bonke abawevayo amazwi esiprofeto sale ncwadi, ukuba, Xa athe umntu wongeza kwezo zinto, uThixo uya kongeza kuye izibetho ezibhaliweyo kule ncwadi; ukuba ke uthe umntu wasusa kuwo amazwi encwadi yesi siprofeto, uThixo uya kusisusa isabelo sakhe encwadini yobomi, nakuwo umzi ongcwele, nakuzo izinto ezibhaliweyo kule ncwadi. Uthi lowo uzingqinayo ezi zinto, Ewe, ndiyeza kamsinya. Amen. Ewe, yiza, Nkosi Yesu. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.

ISITYHILELO 22:1-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Isithunywa eso sandibonisa umlambo onamanzi obomi ebengezela okweglasi. Ayempompoza evela kwibhotwe likaThixo kunye neXhwane. La manzi ayesihla phakathi kwisitalato sesixeko eso. Lo mlambo wawuphahlwe ngumthi wobomi. Lo mthi uvelisa iziqhamo ngazo zonke iinyanga zonyaka. Amagqabi alo mthi ayimpilo yezizwe. Nayiphi na into eqalekisiweyo ayisayi kubakho apho. Into ekhoyo apho libhotwe likaThixo kunye neXhwane. Izicaka zakhe ziya kuphithizela zimkhonza. Ziya kujongana naye ebusweni, zinegama lakhe ebunzi. Akusayi kubakho busuku khona; kungasayi kubakho mfuneko yasibane nalanga. Kaloku iNkosi uThixo uya kuzikhanyisela. Ziya kuxhamla ulawulo ngonaphakade kanaphakade. Kananjalo sathi kum: “La mazwi ayinyaniso, athembekile. INkosi uThixo obaxhobisayo ngefuthe loMoya abavakalisi belizwi, wathumela isithunywa sakhe ukuze sibonise izicaka zakhe izinto eziza kwenzeka kamsinya.” “Uyabona ke, ndiyeza ngokukhawuleza! Unoyolo umntu owathobelayo amazwi odaba lwale ncwadi!” Ndim mna Yohane ozivileyo wazibona ezi zinto. Ndakuba ndizivile ndazibona ezi zinto, ndawa ezinyaweni zesithunywa eso sandibonisayo, ndikhahlela. Kodwa sakhalima sathi: “Hayi bo! Sukwenjenjalo; kaloku nam ndisisicaka njengawe, ugxa wakho namawenu abavakalisi belizwi, nabo bonke abawathobelayo amazwi akule ncwadi. NguThixo ofanele ukumnqula wena.” Saqhuba sathi: “Uze ungawafihli amazwi ale ncwadi; kaloku ithuba lokuzalisekiswa kwawo lisemnyango. Ke yena umenzi wobubi makaqhubele phambili, ngokunjalo nongcolileyo makaqhubele phambili; nalowo ulungisayo makathathe unyawo, kanti ke nonyulu makahlale enjalo. “Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe! Kaloku ndingu-A, ndikwangu-Z; ndingowokuqala, ndikwangowokugqibela, ndikwasisiqalo nesiphelo.” Banoyolo abo bazabalazela ukuba bahlale benyulu! Baya kuba nelungelo kuwo umthi wobomi; baya kungena ngamasango esixekweni. Kambe ke ngaphandle zizinja, namagqwirha, abarheletyi, izigwinta, abanqula *izithixo, nabo bonke abathe phithi kukuxoka. “Ndim mna Yesu osithumileyo isithunywa sam ukuba siye kushumayela ezi ndaba emabandleni. Ndingumnombo nomzukulwana kaDavide, ikhwezi lokusa.” UMoya kunye nomtshakazi bathi: “Yiza” Wonke umntu ovayo makathi: “Yiza!” Wonke umntu onxaniweyo makeze. Makawasele amanzi obomi; asisisa kwabo bawafunayo. Ndiyamlumkisa wonke umntu owevayo amazwi ale ncwadi: Ukuba ukhe wawongeza, uThixo uya kumhlisela zonke izibetho ezichaziweyo kule ncwadi. Kanti ke ukuba ukhe wawaphungula, uThixo uya kumvimba inxaxheba kuwo umthi wobomi, angabi nalungelo nakuso isiXeko esiNgcwele – zinto ezo zichaziweyo kule ncwadi. Lo unika obu bungqina uthi: “Nanjani na ndiza kufika ngokukhawuleza!” Makube njalo! Yiza, Nkosi Yesu! Ubabalo lweNkosi uYesu maluhlale kuni nonke.
ISITYHILELO 22:1-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
za sandibonisa umlambo wamanzi obomi, uqaqambile, ngathi ngumkhenkce, uphuma etroneni kaThixo neyeMvana. Phakathi kwesitrato sawo namacala omabini omlambo, kukho umthi wobomi, ovelisa iintlobo zeziqhamo ezilishumi elinambini, unika iinyanga ngeenyanga zonke isiqhamo sawo; abe amagqabi omthi lowo engawokuphilisa imimoya, izizwe. Akusayi kuba sabakho nasinye isiqalekiso; kodwa itrone kaThixo neyeMvana iya kubakho kuwo; abakhonzi bakhe bamkhonze; Aya kububona ubuso bakhe; negama lakhe liya kuba semabunzini abo. Akuyi kubakho busuku khona; abafuni sibane, nakukhanya kwelanga; ngokuba iNkosi uThixo iya kuzikhanyisela, zilawule ngonaphakade kanaphakade. Sathi kum, La mazwi athembekile, ayinyaniso; iNkosi, uThixo wabaprofeti abangcwele, yathuma isithunywa sayo sasemazulwini ukubabonisa abakhonzi bayo izinto ezimele ukubakho kamsinya. Yabona, ndiyeza kamsinya; unoyolo lowo uwagcinayo amazwi esiprofeto sayo le ncwadi. Mna, Yohane, ndingulowo ubezibona ezi zinto, eziva; Ndathi ndakuva, ndakubona, ndawa ndaqubuda phambi kweenyawo zesithunywa sezulu esandibonisa ezi zinto. Sithi kum, Lumka, ungenjenjalo; ngokuba ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abaprofeti, nabo bawagcinayo amazwi ale ncwadi; qubuda kuThixo. Sathi kum, Musa ukuwatywina amazwi esiprofeto sale ncwadi; kuba ixesha likufuphi. Lowo ungongendawo makahlale engongendawo; nalowo uyinyhukunyhuku, makaselehlala eyinyhukunyhuku; lowo ulilungisa makahlale elilungisa; nongcwele makahlale ngcwele. Yabona, ndiyeza kamsinya; umvuzo wam unam, wokuba ndivuze elowo njengoko umsebenzi wakhe uya kuba njalo. Mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, owokuqala nowokugqibela. Banoyolo abo bayenzayo imithetho yakhe, ukuze babe negunya kuwo umthi wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi. Ngaphandle ke zizinja, nabakhafuli, nabenzi bombulo, nababulali, nabakhonzi bezithixo, nabo bonke ababuthandayo, ababenzayo ubuxoki. Mna, Yesu, ndasithuma isithunywa sam sasemazulwini, ukuba ndizingqine kuni ezi zinto ngawo amabandla. Mna ndiyingcambu nenzala kaDavide, ikhwezi eliqaqambileyo lokusa. uMoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo makathi, Yiza. Lowo unxaniweyo makeze; nosukuba ethanda, makawathabathe amanzi obomi ngesisa. Kuba ndiyangqina kubo bonke abawevayo amazwi esiprofeto sale ncwadi, ukuba, Ukuba uthe umntu wongeza kwezo zinto, uThixo uya kongeza kuye izibetho ezibhaliweyo kule ncwadi; Ukuba ke uthe umntu wasusa kuwo amazwi encwadi yesi siprofeto, uThixo uya kusisusa isabelo sakhe encwadini yobomi, nakuwo umzi ongcwele, nakuzo izinto ezibhaliweyo kule ncwadi. Uthi lowo uzingqinayo ezi zinto, Ewe, ndiyeza kamsinya. Amen. Ewe, yiza, Nkosi Yesu. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.
ISITYHILELO 22:1-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza wandibonisa umlambo ongcwele wamanzi obomi, okazimlayo njengekrisitale, upuma kuyo iterone KATIXO ne YEMVANA. Pakati kwesitarate saso, nangelicala nangeliya lomlambo, bekuko umti wobomi, uhlanza intlobo ezilishumi linambini zeziqa̔mo, unika ukuqa̔ma kwawo inyanga ngenyanga: namagqabi awo umti lowo abengawokupiliswa kwentlanga. Kwaye kungayi kuba seko isiqalekiso: kanjalo iterone KATIXO ne YEMVANA yoba kuso: nezicaka zake ziya kumkonza: zaziya kubona ubuso bake; negama lake loba pezu kwamabunzi azo. Akuyi kubako busuku kona kanjako; abafuni ke isibane nokukanya kwelanga; kuba INKOSI UTIXO ibakanyisele: babeya kupata ngobukumkani kude kube ngunapakade kanapakade. WAZA wati kum: Lamazwi ayinene ayinyaniso: kanjalo INKOSI, UTIXO wabaprofite abangcwele, itumile ingelosi yayo ukuza kubonisa izicaka zayo izinto ezifanele ukubako kamsinya. Bona ke, ndiyeza msinya. Unetamsanqa lowo uwagcinayo amazwi aso isiprofitesho salencwadi. Nam Johane ndinguye obezibona ezizinto waziva. Ndite ndakuba ndivile ndabona, ndawa pantsi ukuba ndibedeshe pambi kwenyawo zengelosi ebindibonisa ezizinto. Yayisiti kum: Lumka ungenje njalo: ngokuba ndisisicaka kunye nawe, nakunye nabazalwana bako abaprofite, nakunye nabawagcinayo amazwi alencwadi: mbedeshe UTIXO. Yayisiti kum: Ungawancamatiseli amazwi aso isiprofitesho salencwadi; ngokuba ixesha lawo likufupi. Yena owenza okungalungileyo, makabe esakwenza okungalungileyo; naye onco̔lileyo, makabe esanco̔lile; naye olungileyo, makabe esalungile; naye ongcwele, makabe esangcwaliswa. Bona ke, ndiyeza msinya; nomvuzo wam unam, ukuba ndivuze bonke ngabanye njengokuba umsebenzi wabo uya kuba njalo. Mna ndingu‐Alefa no‐Omega, isiqalo nesipelo, owokuqala nowokugqibela. Banetamsanqa abayenzayo imiyalelo yake, ukuze babe negunya pezu kwawo umti wobomi, baze bati ngamasango aso bangene esixekweni. Kodwa ngapandle kuko abazinja, nabatakati, nabapimisi, nababulali, nabakonzi bezitixo, nosukuba etanda esenza ubuxoki. Mna Yesu nditumile ingelosi yam ukuza kunqi̔na ezizinto kuni ngazo iṙemente. Mna ndiyingcambo nenzalo ka‐Davide, ikw̔ezi lomso elikazimlayo. Batsho NOMOYA nomtshakazi ukuti: Yiza. Naye ovayo makati: Yiza. Naye onxanwayo makeze. Naye otandayo makatabate amanzi obomi ngesisa. Ngokuba ndinqi̔na mna kubo bonke abevayo amazwi aso isiprofitesho salencwadi: Ukuba umntu uti ongeze kuzo ezizinto, UTIXO uya kwongeza kuye izibeto eziba̔liweyo kulencwadi; nokuba umntu uti asuse kuwo amazwi ayo incwadi yesiprofitesho esi, UTIXO uya kususa isabiwo sake kuwo umti wobomi, nakuso isixeko esiyingcwele, nakwezozinto ziba̔liweyo kulencwadi. Uti lowo unqi̔nayo ezizinto: Ewe, ndiyeza msinya. Amene. Ewe, yiza, NKOSI Yesu. Ufefe LWENKOSI yetu u‐Yesu Kristu malube nani nonke. Amene. ISIPEKLO SETESTAMENTE ENTSHA.