Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Isityilo sika‐Johane 22:1-21

Isityilo sika‐Johane 22:1-21 XHO1902A

Waza wandibonisa umlambo ongcwele wamanzi obomi, okazimlayo njengekrisitale, upuma kuyo iterone KATIXO ne YEMVANA. Pakati kwesitarate saso, nangelicala nangeliya lomlambo, bekuko umti wobomi, uhlanza intlobo ezilishumi linambini zeziqa̔mo, unika ukuqa̔ma kwawo inyanga ngenyanga: namagqabi awo umti lowo abengawokupiliswa kwentlanga. Kwaye kungayi kuba seko isiqalekiso: kanjalo iterone KATIXO ne YEMVANA yoba kuso: nezicaka zake ziya kumkonza: zaziya kubona ubuso bake; negama lake loba pezu kwamabunzi azo. Akuyi kubako busuku kona kanjako; abafuni ke isibane nokukanya kwelanga; kuba INKOSI UTIXO ibakanyisele: babeya kupata ngobukumkani kude kube ngunapakade kanapakade. WAZA wati kum: Lamazwi ayinene ayinyaniso: kanjalo INKOSI, UTIXO wabaprofite abangcwele, itumile ingelosi yayo ukuza kubonisa izicaka zayo izinto ezifanele ukubako kamsinya. Bona ke, ndiyeza msinya. Unetamsanqa lowo uwagcinayo amazwi aso isiprofitesho salencwadi. Nam Johane ndinguye obezibona ezizinto waziva. Ndite ndakuba ndivile ndabona, ndawa pantsi ukuba ndibedeshe pambi kwenyawo zengelosi ebindibonisa ezizinto. Yayisiti kum: Lumka ungenje njalo: ngokuba ndisisicaka kunye nawe, nakunye nabazalwana bako abaprofite, nakunye nabawagcinayo amazwi alencwadi: mbedeshe UTIXO. Yayisiti kum: Ungawancamatiseli amazwi aso isiprofitesho salencwadi; ngokuba ixesha lawo likufupi. Yena owenza okungalungileyo, makabe esakwenza okungalungileyo; naye onco̔lileyo, makabe esanco̔lile; naye olungileyo, makabe esalungile; naye ongcwele, makabe esangcwaliswa. Bona ke, ndiyeza msinya; nomvuzo wam unam, ukuba ndivuze bonke ngabanye njengokuba umsebenzi wabo uya kuba njalo. Mna ndingu‐Alefa no‐Omega, isiqalo nesipelo, owokuqala nowokugqibela. Banetamsanqa abayenzayo imiyalelo yake, ukuze babe negunya pezu kwawo umti wobomi, baze bati ngamasango aso bangene esixekweni. Kodwa ngapandle kuko abazinja, nabatakati, nabapimisi, nababulali, nabakonzi bezitixo, nosukuba etanda esenza ubuxoki. Mna Yesu nditumile ingelosi yam ukuza kunqi̔na ezizinto kuni ngazo iṙemente. Mna ndiyingcambo nenzalo ka‐Davide, ikw̔ezi lomso elikazimlayo. Batsho NOMOYA nomtshakazi ukuti: Yiza. Naye ovayo makati: Yiza. Naye onxanwayo makeze. Naye otandayo makatabate amanzi obomi ngesisa. Ngokuba ndinqi̔na mna kubo bonke abevayo amazwi aso isiprofitesho salencwadi: Ukuba umntu uti ongeze kuzo ezizinto, UTIXO uya kwongeza kuye izibeto eziba̔liweyo kulencwadi; nokuba umntu uti asuse kuwo amazwi ayo incwadi yesiprofitesho esi, UTIXO uya kususa isabiwo sake kuwo umti wobomi, nakuso isixeko esiyingcwele, nakwezozinto ziba̔liweyo kulencwadi. Uti lowo unqi̔nayo ezizinto: Ewe, ndiyeza msinya. Amene. Ewe, yiza, NKOSI Yesu. Ufefe LWENKOSI yetu u‐Yesu Kristu malube nani nonke. Amene. ISIPEKLO SETESTAMENTE ENTSHA.