ISITYHILELO 14:9-11
ISITYHILELO 14:9-11 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Saza esesithathu isithunywa sezulu sazilandela zona, sisithi ngezwi elikhulu, Ukuba umntu uyalinqula irhamncwa nomfanekiselo walo, amkele uphawu lwalo ebunzini lakhe, nokuba kusesandleni sakhe: yena wosela iwayini yomsindo kaThixo, egalelwe ingaphithikeziwe endebeni yengqumbo yakhe, athuthunjiswe ngomlilo nesulfure phambi kwezithunywa ezingcwele, naphambi kweMvana. Umsi wokuthuthunjelwa kwabo unyuka use emaphakadeni asemaphakadeni; àbanakuphumla imini nobusuku abo banqula irhamncwa nomfanekiselo walo, nomntu ukuba uthi alwamkele uphawu lwegama lalo.
ISITYHILELO 14:9-11 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngokukwanjalo salandela nesinye isithunywa simemeza sisithi: “Wonke umntu onqula irhamncwa kunye nomfanekiso walo, aze amkele uphawu lwalo ebunzi okanye esandleni, uya kutsarhwa yingqumbo kaThixo. Ewe kaloku, impindezelo kaThixo itsale yada yatshukula. Uya kugcadeka elangatyeni lomlilo wesalfa, iXhwane nezithunywa ezingcwele zibukele. Umsi waloo mlilo uya kutsho ngomlembelele unyuquza unyuka ungaze unqamke. Abo banqula irhamncwa nomfanekiso walo, abanophawu lwegama lalo, abasoze baphumle imini nobusuku.”
ISITYHILELO 14:9-11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Saza esesithathu isithunywa sazilandela, sithetha ngezwi elikhulu, sisithi, Ukuba ubani ulinqula irhamncwa nomfanekiselo walo, walwamkela uphawu lwakhe ebunzini lakhe, nokuba kusesandleni sakhe; Lowo uya kusela kwiwayini yomsindo kaThixo, egalelwe kwindebe yokucaphuka, ingaxutywanga; uya kuthuthunjiswa ngomlilo nesulfure, phambi kwezithunywa ezingcwele, naphambi kweMvana. Unyuka umsi wokuthuthunjelwa kwawo, use emaphakadeni asemaphakadeni; abanakuphumla imini nobusuku, abo banqula irhamncwa nomfanekiselo walo, nabani na owamkelayo uphawu lwegama lalo.
ISITYHILELO 14:9-11 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Yaza eyesitatu ingelosi yazilandela, isiti ngelizwi elikulu: Osukuba ebedesha ir̔amnco nomfanekiso walo, amkele upa̔u pezu kwebunzi lake, umhlaumbi esandleni sake, kwa yena uya kusela kuyo iveyine yomsindo KATIXO, esel’ igalelwe ingapitikezwanga endebeni yoqumbo lwake; waeya kumbelwa ngomlilo nesufure, ebusweni bazo ingelosi ezingcwele, nasebusweni bayo IMVANA: uti umsi wokumbelwa kwabo unyuke kude kube ngunapakade kanapakade; abanakupumla ke nasemini nasebusuku, abo babedeshayo ir̔amnco nomfanekiso walo, nosukuba elwamkela upa̔u lwegama lalo.