Yaza eyesitatu ingelosi yazilandela, isiti ngelizwi elikulu: Osukuba ebedesha ir̔amnco nomfanekiso walo, amkele upa̔u pezu kwebunzi lake, umhlaumbi esandleni sake, kwa yena uya kusela kuyo iveyine yomsindo KATIXO, esel’ igalelwe ingapitikezwanga endebeni yoqumbo lwake; waeya kumbelwa ngomlilo nesufure, ebusweni bazo ingelosi ezingcwele, nasebusweni bayo IMVANA: uti umsi wokumbelwa kwabo unyuke kude kube ngunapakade kanapakade; abanakupumla ke nasemini nasebusuku, abo babedeshayo ir̔amnco nomfanekiso walo, nosukuba elwamkela upa̔u lwegama lalo.
Funda Isityilo sika‐Johane 14
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Isityilo sika‐Johane 14:9-11
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo