ISITYHILELO 13:16-17
ISITYHILELO 13:16-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Lenza bonke, abancinane nabakhulu, abazizityebi nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka, ukuba baphawulwe lilo esandleni sabo sokunene, nokuba kusemabunzini abo; nokuze kungabikho mntu unako ukuthenga nokuthengisa, ingenguye lowo unophawu, nokuba ligama lerhamncwa, nokuba linani legama lalo.
ISITYHILELO 13:16-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngaphezu koko ke lanyanzelisa ukuba bonke abantu, abancinci nabakhulu, izityebi namahlwempu, amakhoboka nabakhululekileyo, mabaphawulwe ezandleni zokunene okanye ebunzi. Ngaphandle kolu phawu lumele igama okanye inani elimele igama lerhamncwa, akukho mntu wayevunyelwa ukuba athenge okanye athengise.
ISITYHILELO 13:16-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Lenza ukuba bonke, abancinane nabakhulu, abazizityebi nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka, ukuba baphawulwe esandleni sabo sokunene, nokuba kusebunzi; Kwaye ukuze kungabikho bani unako ukuthenga nokuthengisa, ingenguye lowo unophawu, nokuba ligama lerhamncwa, nokuba linani legama lalo.
ISITYHILELO 13:16-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kanjalo liyabenza ukuba bonke, abancinane nabakulu, nabazityebi nabangamahlwempu, nabakululekileyo namakonza, babekelwe upa̔u pezu kwesandla sabo sokunene, umhlaumbi pezu kwamabunzi abo; nokuba kungabiko mntu ongati atenge umhlaumbi atengele, kupela ngulowo unalo upa̔u olo, umhlaumbi igama ler̔amnco, umhlaumbi inani legama lalo.