IINDUMISO 9:7-11
IINDUMISO 9:7-11 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke yena uYehova uhleli ngonaphakade, Uyizinzisele ugwebo itrone yakhe. Úya kugweba yena kwelimiweyo ngobulungisa, Agwebe phakathi kwezizwe ngokuthe tye. UYehova makabe yingxonde kotyunyuziweyo, Ingxonde ngamaxesha engxingongo; Bakholòse ngawe abalaziyo igama lakho; Ngokuba akubashiyanga abakuquqelayo wena, Yehova. Vumani ngendumiso kuYehova ohlala eZiyon; Xelani ezizweni izenzo zakhe ezincamisileyo
IINDUMISO 9:7-11 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kodwa uNdikhoyo uya kuhlal' elawula kude kube nini-nini; selengqendeve enkundleni yakhe, elungele ukugweba. Ulilawula ngobulungisa elimiweyo; azigwebe kakuhle zonke iintlanga. NguNdikhoyo inqaba yokuzimela abacinezelwayo; nguye ikhusi ngamaxesha eembandezelo. Bathembele ngawe, Ndikhoyo, bonke abakwaziyo; kaloku akuzange ubafulathele abo bakufunayo. Mbongeni uNdikhoyo ongqendeve ebhotwe eZiyon; zibhengezeni eluntwini izinto asenzele zona.
IINDUMISO 9:7-11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke yena uYehova uya kuma ngonaphakade, ilungiselwe ugwebo itrone yakhe. Uya kuligweba ihlabathi ngobulungisa, Uya kugweba abantu ngobulungisa. uYehova uya kuba yindawo yokusabela kotyunyuziweyo, ihlathi ngamaxesha eembandezelo. Yaye abo balaziyo igama lakho baya kukholosa ngawe, ngenxa yokuba wena, Yehova, akubashiyanga abo bakufunayo. Vumani kuYehova ohlala eZiyon; Xelani ezintlangeni izenzo zakhe.
IINDUMISO 9:7-11 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kodwa UYEHOVA wohlala kude kube ngunapakade: isihlalo sake sobukumkani usimisele ukugweba: waye yena eya kugweba ilizwe ngobulungisa; uya kwenzela intlanga umgwebo ngokufanelekileyo. UYEHOVA woba yinyango kubo abancinezelweyo, kwa yinyango ngamaxesha obunzima. Abalaziyo igama lako botembela kuwe; ngokuba wena. YEHOVA! ungabalahlanga abakufunayo. Culani KUYEHOVA, ohleli e‐Ziyone: xelani pakati kwezizwe izenzo zake.